29 Le mimiselo ke iya kubopha nina nezizukulwana zenu noba seniphi na.
30 “Umntu otyholwa ngokubulala angáfunyanwa enetyala aze abulawe kuphela xa kukho amangqina; ke lona ingqina elinye alanele ukuxhasa isityholo sombulali.
31 Isigwinta masibulawe. Mayingamkelwa intlawulo yokusindisa ubomi baso.
32 Ukuba umntu ubalekele kwidolophu yokuphephela makangavunyelwa akhuphe intlawulo khon' ukuze abe nokugoduka engekafi umbingeleli omkhulu.
33 Ze ningalifaki *umlaza ilizwe lakowenu. Kaloku ubugwinta buyalingcolisa ilizwe. Ibe ke ucamagushelo alunakwenzelwa ilizwe ekuphalazwe igazi kulo, ngaphandle kokuba kuphalazwe igazi lesigwinta eso.
34 Ningaze nilifake umlaza ilizwe enihlala kulo; kaloku mna ndinguNdikhoyo, ndihlala phakathi kwabantu bam amaSirayeli.”