3 Kambe ke xa zithe zendela ndlwini yimbi, loo mhlaba wazo uwela kuloo ndlu; ngaloo ndlela ke umhlaba olilifa lethu utsho unciphe.
4 Ngonyaka wobuyiselo xa yonke imihlaba ebithengiwe ibuyiselwa kubanini bayo bamandulo, imihlaba yeentombi zikaZelofehadi ibuyela kwezo zindlu zendele kuzo; ngaloo ndlela ke uyancipha umhlaba olilifa lakowethu.”
5 Ngoko ke uMosis wathetha namaSirayeli, wawanika lo myalelo kaNdikhoyo uthi: “Le nto ithethwa ngamaManase yinyani.
6 Ngoko ke uNdikhoyo uthi: ‘Iintombi zikaZelofehadi zikhululekile ukuba zendele nakubani na, kodwa ke kube kwakule ndlu yakowazo.
7 Umhlaba olilifa lendlu yakwaSirayeli mawungadluleli kwizindlu ngezindlu. Umhlaba womSirayeli ngamnye kufuneka uhlale ungowaloo ndlu azalwa kuyo nanini na.
8 Intombi yomSirayeli efumene ilifa lomhlaba kufuneka yendele kwakuloo ndlu yakowayo. Ngale ndlela ke umhlaba wookhokho bendlu ethile uya kujikeleza kwakuloo ndlu,
9 ungaze uphuncuke uye ndlwini yimbi. Umhlaba wendlu nganye uya kuhlala ungowaloo ndlu nanini na.’ ”