12 Baya kuphinda ke bathathe izitya namacephe asetyenziswa esibingelelweni, bawasongele ngelaphu elizuba, bagqume ngesikhumba esisukiweyo, bazibeke phezu kwamanqwanqwa okuziphatha.
13 Mabasuse uthuthu kwiqonga lamadini, baligqume ngelaphu elimsobo.
14 Phezu kwalo ke mababeke zonke izinto ezisetyenziswa kulo: iipleyiti zomlilo, iifolokhwe, iifotsholo, nezitya. Kamva ke baya kuligquma ngesikhumba esisukiweyo, balifake imiqobo yokubamba.
15 Ngexesha lokuhamba ke kuya kuthi xa uAron noonyana bakhe sebegqibile ukuzisonga nokuziqoqosha zonke ezi zinto zingcwele, beze abakwaKohati, bazokuzithatha baziphathe. Kodwa ke mabangazichukumisi, hleze bafe.“Lo msebenzi wokuthwala impahla yesibingelelo ngumsebenzi wamaKohati nanini na xa kufudukwa.
16 “Ke yena uElazare, unyana ka-Aron, uya kongamela isibingelelo siphela, nako konke okwaso: ioyile yezibane, isiqhumiso, umnikelo weenkozo, namafutha okuthambisa – oko kukuthi isibingelelo nempahla yaso yangaphakathi.”
17 UNdikhoyo wabayalela ooAron noMosis, wathi
18-19 mababalumkele abakwaKohati bangasondeli kwezi zinto zingcwele, hleze bafe. Ukuthintela loo ngozi ke wathi uAron noonyana bakhe mabangene kuqala, babele ulowo nalowo umKohati umsebenzi nento aza kuyiphatha.