20 Kambe ke ukuba amaKohati angenile esibingelelweni, aza azibona nakancinane ezi zinto zingcwele, aya kufa.
21 *UNdikhoyo wayalela uMosis
22 ukuba abale abaLevi bakwaGershon ngokwezindlu nemizi yabo.
23 Wathi makabhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.
24 Umsebenzi wabo ke yayikukuphatha ezi zinto:
25 intente (eyangaphakathi neyangaphandle) nesigqubuthelo sayo, nesikhumba esisukiweyo, umkhusane wesango,
26 imikhusane neentsontela zenkundla jikelele, imikhusane yesango lenkundla, nazo zonke izixhobo ezisetyenziswa kwezi zinto. Umsebenzi wabo ke uya kunxulumana nezi zinto.