3 Wathi mababhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.
4 Umsebenzi wabo ke wawunxulumene nezona zinto zingcwele.
5 UNdikhoyo wayalela uMosis wenjenje: “Lakufika ixesha lokunduluka, uAron noonyana bakhe mabakhulule umkhusane ovalele ityesi yomnqophiso, bagqume ityesi leyo ngawo.
6 Mabayigqume ngesikhumba esisukiweyo, babeke ilaphu elizuba ngaphezulu, bandule ke ukufaka imiqobo yokubamba.
7 “Mabaneke ilaphu elizuba phezu kwetafile ehlala isonka esinikelwe uNdikhoyo, babeke iipleyiti phezu kwayo, nezitya zesiqhumiso, izitya zomnikelo, neendebe zomnikelo othululwayo. Ke isonka esihlala phezu kwetafile masingasuswa.
8 Phezu kwazo zonke ke ezi zinto baya kuthi wambu ilaphu elimfusa, baze balebele ngesikhumba esisukiweyo, bafake imiqobo yokubamba.
9 “Baya kuthatha ilaphu elizuba, bagqume isiphatho-zibane xa sisonke, isifinyiso saso, nezithetyana zaso, ngokunjalo nezitya zaso zeoyile.