9 Wonke umnikelo owodwa okhutshwa ngamaSirayeli, ewunikela kuNdikhoyo, unenxaxheba eyeyababingeleli.
10 Umnikelo wona ngowalowo unikelayo, kambe inxaxheba yeyababingeleli.”
11 *UNdikhoyo wathetha noMosis,
12-14 wathi makayalele amaSirayeli, athi: “Kungenzeka ukuba indoda isole umkayo, imkrokrela ukuba unento yokwenza nenye indoda, kodwa yona ibe ingaqinisekanga, kuba umcimbi lowo ungathiwanga pahaha, futhi ke ingenangqina nabungqina buphathekayo, njengoko engabanjwanga umfazi lowo. Mhlawumbi kungenzeka ukuba indoda leyo ibinamagxa nje, kungekho nanto ibitheni ayenzileyo umfazi lowo.
15 Nokuba kuyiyiphi na imeko, indoda leyo iya kumthatha umfazi lowo, iye naye kumbingeleli. Kananjalo iya kuphatha ikhilogram enye yomgubo werhasi oyimfanelo yedini; kambe ke ayiyi kuwugalela mafutha nasiqhumiso, kuba ulidini elikhutshwa yindoda enobukhwele, umnikelo wokuphanda inyaniso.
16 “Umbingeleli ke uya kumthatha umfazi lowo, ammise *esibingelelweni phambi koNdikhoyo.
17 Uya kuthatha amanzi awodwa, awagalele engqayini, aze akhe umhlaba apho phantsi esibingelelweni, awugalele kuloo manzi, ukuze akrakre.