12 azinikele ngokutsha ukuba abe lilolo likaNdikhoyo kangangesifungo eso. Intlawulo uya kuyenza ngokukhupha ixhwane lokwenza idini lesono. Elaa thuba lingaphambili ke, alichithe selelilolo, lilahlekile, kuba kaloku iinwele zakhe zigqwalisekile.
13 “Kothi ke lakuphela ithuba lesifungo selolo elo, kuqhutywe lo msebenzi: Ilolo liya kuya esangweni lesibingelelo
14 nezi ndidi zeegusha zingenasiphako: ixhwane eliliduna, loba lelokwenza idini elitshiswayo; ixhwane elilithokazi, lona libe leledini lesono; nenkunzi yegusha yokwenza idini lobudlelwana.
15 Ezi zinto zihamba nomnikelo weenkozo nowewayini. Uya kufaka ebhaskitini ezi ndidi zesonka ezinganyuswanga: izonka ezenziwe ngomgubo oxutywe namafutha nemiqathane ethanjiswe ngamafutha.
16 “Umbingeleli ke uya kuwathatha amaxhwane, awanikele uNdikhoyo, enze idini lesono nelitshiswayo.
17 Kwakhona ke uya kunikela inkunzi yegusha *kuNdikhoyo, ibe lidini lobudlelwana, ayidibanise nesaa sonka sisebhaskitini. Kananjalo ke uya kwenza nomnikelo weenkozo nowewayini.
18 Apho ke esangweni lesibingelelo ilolo elo liya kuzigugula iinwele zalo, ezo zibubungqina bokuzinikela kwalo kuNdikhoyo, lizifake apho kuloo mlilo wedini lobudlelwana.