20 Kananjalo ke umbingeleli uya kuwanga-wangisa lo mnikelo uwonke, awenze umnikelo owodwa kuNdikhoyo. Lo mnikelo owodwa ngowombingeleli; yaye wongeza laa ncum nalaa mlenze wenkunzi yegusha usisabelo sombingeleli kakade. Emva koko ke ilolo likhululekile, lingayisela iwayini.”
21 Lo ke ngumthetho obhekiselele kwilolo likaNdikhoyo omelwe kukufezekiswa. Ngaphezu koko lisenokunikela kangangoko ngokuqhutywa yintliziyo.
22 *UNdikhoyo wathi uMosis,
23 makayalele uAron noonyana bakhe ukuba bathamsanqele amaSirayeli benjenje:
24 “Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,akulondoloze.
25 Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,usixhamle isisa sakhe.
26 Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,akwambathise uxolo.”