3 zezisa iminikelo yazo esibingelelweni *kuNdikhoyo. Yaba ziinqwelo ezintandathu ezineetentyi neenkabi zeenkomo ezilishumi elinambini. Iinkokheli zadibana ngenqwelo ngambini, yaza yayileyo yakhupha inkabi yenkomo.Zakuba zizinikele ke,
4 uNdikhoyo wathi kuMosis:
5 “Ezi zipho zamkele ze zisetyenziswe esibingelelweni. Zigqithisele kubaLevi ngokwemisebenzi abajongene nayo.”
6 Ngoko ke uMosis wathatha ezo nqwelo kwakunye neenkabi ezo, wazinika abaLevi.
7 AbakwaGershon wabanika iinqwelo zambini neenkabi ezine.
8 Bona abakwaMerari wabanika iinqwelo zane kunye nesibhozo seenkabi. Umsebezi wabo babeza kuwenza bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron.
9 AbakwaKohati bona uMosis akabanikanga zinqwelo nazinkabi, kuba kaloku bona izinto ezingcwele ababeziphatha babezithwala emagxeni.