Eyasentlango 7:7-84-88 XHO96

7 AbakwaGershon wabanika iinqwelo zambini neenkabi ezine.

8 Bona abakwaMerari wabanika iinqwelo zane kunye nesibhozo seenkabi. Umsebezi wabo babeza kuwenza bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron.

9 AbakwaKohati bona uMosis akabanikanga zinqwelo nazinkabi, kuba kaloku bona izinto ezingcwele ababeziphatha babezithwala emagxeni.

10 Kananjalo iinkokheli zezisa neminikelo yokubhiyozela ukunikezelwa kweqonga lamadini.

11 Kaloku uNdikhoyo wathi kuMosis: “Zixelele iinkokheli ezo ukuba mazithathe ithuba elingangeentsuku ezilishumi elinambini, inkokheli nganye inikela izipho zayo ngosuku ngalunye, kulo mbhiyozo wokunikezelwa kweqonga lamadini.”

12-83 Ezo zipho ke zanikezelwa ngolu hlobo: Usuku Indlu Inkulu Lokuqala kaJuda uNashon ka-Aminadabhi Lwesibini kaIsakare uNataniyeli kaZuware Lwesithathu kaZebhulon uEliyabhi kaHelon Lwesine kaRubhen uElizure kaShedeyure Lwesihlanu kaSimon uShelumiyeli kaZurishadayi Lwesithandathu kaGadi uEliyasafu kaDuweli Lwesixhenxe kaEfrayim uElishama ka-Amihudi Lwesibhozo kaManase uGamaliyeli kaPedazure Lwesithoba kaBhenjamin uAbhidan kaGidiyoni Lweshumi kaDan uAhiyezere ka-Amisha-dayi Lweshumi linanye ka-Ashere uPagiyeli kaOkran Lweshumi linambini kaNafetali uAhira kaEnan Xa zizonke ke zezisa izipho ezifanayo ngolu hlobo: isitya sesiliva esibunzima buyikhilogram enesiqingatha, nesitya segazi lokutshiza sesiliva esibunzima bungamakhulu asibhozo eegram ngokomlinganiselo ovunyiweyo, zozibini zizele ngumgubo oxutywe namafutha wokwenza idini leenkozo; isityana segolide esibunzima buziigram ezilikhulu elineshumi sizele sisiqhumiso; inkunzana yenkomo, inkunzi yegusha, nexhwane, zokwenza idini elitshiswayo; inkunzi yebhokhwe yedini lesono; neenkabi zeenkomo ezimbini, iinkunzi zeegusha ezintlanu, isihlanu seebhokhwe, namaxhwane amahlanu, zedini lobudlelwane.

84-88 Ke zizonke izipho ezeziswa zezi nkokheli kumsebenzi wokunikezelwa kweqonga zazimi ngolu hlobo:Yayingamashumi amabini anane ezitya zesiliva ezibunzima buziikhilogram ezimashumi mabini anesixhenxe namakhulu amathandathu eegram;ishumi elinambini lezityana zegolide ezibunzima buyikhilogram enamakhulu amathathu namashumi amabini eegram zizele sisiqhumiso;ishumi elinambini leenkunzi zeenkomo, ishumi elinambini leenkunzi zeegusha, ishumi elinambini lamaxhwane, ngokunjalo nomnikelo weenkozo wedini elitshiswayo;ishumi elinambini leebhokhwe zedini lesono;amashumi amabini anesine eenkunzi zeenkomo, namashumi amathandathu eenkunzi zeegusha, amashumi amathandathu eebhokhwe, namashumi amathandathu amaxhwane, okwenza idini lobudlelwana.