2 makaxelele uAron ukuba xa ebeka esaa sibane sizibane zisixhenxe, aze asimise ngohlobo lokuba ilitha laso liwe ngaphambili.
3 UAron wawuthobela loo myalelo, wasimisa njengoko kutshiwo isibane.
4 Wasibumba sonke ngegolide ngokomfanekiso awayewubonisiwe nguNdikhoyo uMosis.
5 *UNdikhoyo wayalela uMosis
6 ukuba abakhethe abaLevi kumaSirayeli, abahlambulule
7 ngolu hlobo: “Bafefe ngamanzi okuhlambulula, utsho bachebe babususe bonke uboya emizimbeni, bazihlambe neempahla zabo. Bakuba benjenjalo ke baya kuhlambuluka.
8 Emva koko ke mabathathe inkunzana yenkomo, baphathe nomgubo onamafutha ukulungiselela ukwenza idini leenkozo; uze futhi uthathe enye inkunzi yenkomo yokwenza umnikelo wesono.