Ujeremiya 1 XHO96

Isingeniso

1 Nalu udaba lukaJeremiya, unyana kaHilekiya, owayengomnye wababingeleli baseAnatoti kummandla wakwaBhenjamin.

2 Lamfikela ilizwi *likaNdikhoyo uJeremiya kunyaka weshumi elinantathu uJosiya unyana ka-Amon engukumkani kwelakwaJuda,

3 nangexesha likaJoyakim unyana kaJosiya ukumkani wakwaJuda, kwada kwangunyaka weshumi elinanye uZedekiya unyana kaJosiya elawula kwaJuda, bada abantu baseJerusalem bathinjwa ngenyanga yesihlanu.

Ukubizwa kukaJeremiya

4 Lavakala kum ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

5 “Ndakwazi ndingekakubumbi esizalweni sonyoko;ndazahlulela wena ungekazalwa,ndakwalatha ukuba ube ngumshumayeli kwiintlanga.”

6 Mna ndiphendule ngelithi: “Awu, Nkosi yam Ndikhoyo, andikwazi ukuthetha; ndisengumntwana.”

7 Uthe yena kum uNdikhoyo: “Mus' ukuthi usengumntwana! Yiya kubo bonke abantu endikuthuma kubo, ubaxelele konke endikuyalela kona.

8 Uze ungaboyiki, kuba mna ndiza kuba nawe, ndikuhlangule. Kutsho mna Ndikhoyo.”

9 Wasolula isandla sakhe uNdikhoyo, wachukumisa umlomo wam, watsho esithi kum: “Ngoku ndiwafaka emlonyeni wakho amazwi am.

10 Namhla ndikumisela phezu kweentlanga nezikumkani ukuba uncothule, udilize, utshabalalise, ubhukuqe, wakhe, utyale.”

11 Lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: “Jeremiya, ubona ntoni?” Ndithe ukuphendula: “Ndibona isebe lomthi wom-amangile.”

12 Uthe kum uNdikhoyo: “Ubone kakuhle. Nam ngokwam ndithe qwa ukuze ndizalisekise la mazwi am.”

13 Libuye lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: “Ubona ntoni?”Mna ndiphendule ndathi: “Phaya ngasentla ndibona imbiza ebilayo, ithambekele ngakweli cala.”

14 Uthe ke kum uNdikhoyo: “Kuza kugqabhuka intlekele ngasentla, igubungele bonke abemi beli lizwe.

15 Kaloku ndiza kubiza zonke izizwe zezikumkani zangasentla.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Ziza kufika ngazinye zimise izihlalo zazo emasangweni aseJerusalem, nasezindongeni zayo, nakuzo zonke izixeko zakwaJuda.

16 Ndiza kubawisela isigwebo abantu bam ngenxa yenkohlakalo yabo yonke, kuba bandifulathele, baza benzela *thixo bambi iziqhumiso, banqula izinto abazenze ngezandla zabo.

17 “Ke wena qinisa umbhinqo, usuke uye kubaxelela konke endikuyalele kona. Uze ungoyiki ngokoyikiswa ngabo, hleze mna ndikwenze ugubhe phambi kwabo.

18 Mna ke ndikwenze wanjengesixeko esinqatyisiweyo, waqina okwentsika yentsimbi nodonga lobhedu, ukuze umelane neli lizwe liphela: ookumkani neziphathamandla zakwaJuda, kunye nababingeleli nabantu balo.

19 Baza kulwa nawe, kodwa abasayi kuze bakoyise, kuba mna ndiza kuba nawe ndikukhusele.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52