Ujeremiya 10 XHO96

UNdikhoyo nezithixo

1 Libekeleni iindlebe ilizwi *likaNdikhoyo, nina bantu bakwaSirayeli.

2 Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Musani ukulinganisa inkqubo yezinye iintlanga;musani ukothuswa yimiqondiso esesibhakabhakeni,naxa zona zisothuka iintlanga.

3 Amasiko eentlanga angamampunge nje.Bagawula umthi ehlathini,ziwuqingqe ngesixholo iingcibi,

4 uhonjiswe ngesiliva nangegolide,ubethelelwe ngezikhonkwane ukuze ungagungqi.

5 *Oothixo abanjalo bafana nonomgogwanaoxhonywe entsimini yentyabontyi:abakwazi kuthetha,bayathwalwa kuba abakwazi kuhamba.Musani ukuboyika:akukho nto imbi banganenza yona,kungekho nanto banokunceda ngayo.”

6 Ngubani onjengawe, Ndikhoyo?Umkhulu wena;igama lakho lithe ndii, lidume ngobungangamsha.

7 Ngubani ongakuhloneliyo, wena Kumkani weentlanga?Ewe, ufanelwe yimbeko;akakho onjengawe,nditsho phakathi kwezilumkonaphakathi kwezizwe nookumkani bazo.

8 Ziziyatha nezityhifili xa bebonke;bangafundiswa ntoni ngoothixo abaqingqwe ngomthi?

9 Baqingqwe ngesiliva yaseTashishe,nangegolide evela eUfazi.Okuxhonkxwe ziingcibi nabakhandikwambeswa ngeengubo ezibomvu nezimfusa ezalukwe ngamagcisa.

10 Kodwa nguNdikhoyo onguThixo ngenene;yena unguThixo ophilayo,uKumkani oya kuhlala ehleli.Akuqumba yena umhlaba uyankwantya;izizwe azinakumelana nengqumbo yakhe.(

11 “Baxelele uthi: ‘Abo thixo bangalidalanga izulu nomhlaba, baza kubhanga emhlabeni naphantsi kwezulu.’ ”)

Ukubongwa kukaNdikhoyo

12 Ke yena *uNdikhoyo ulidale ngamandla akhe ihlabathi,walizinzisa ngobulumko ilizwe,wasitwabulula ngengqondo isibhakabhaka.

13 Uthi akuduma kuyaluzele amanzi asesibhakabhakeni,kufunquke amafu emaphethelweni omhlaba.Uthumela umbane kunye nemvula,athulule umoya koovimba bakhe.

14 Bonke ziziyatha ezingenalwazi.Ababumbi *boothixo bayahlazeka ngezithixo zabo,kuba oothixo abababumbayo bayinkohliso,kuba abanawo umphefumlo.

15 Zizinto ezingento,izinto zokuphoxisa,izinto eziya kubhanga ngemini yomgwebo.

16 Akanjengabo yena uNxaxheba kaYakobi:nguye owabumba iinto zonke.AmaSirayeli ngabantu bakhe ncakasana.USomandla-onke nguNdikhoyo igama lakhe.

Ukufuduswa

17 Qokelela umthwalo wakho, ulungele ukufuduka, wena uhleli ekungqingweni.

18 Uthi *uNdikhoyo: “Ndiza kubalahlela phandle, ndibazisele inkxwaleko, basiwe ekuthinjweni.”

19 Athi ke mna, ukwenzakala kwam!Amanxeba am akanakuphila.Ke mna bendisithi:“Sisifo sam esi; mandisinyamezele.”

20 Intente yam ibhukuqiwe;sele kuqhawuke nezo ntambo zayo.Bemkile oonyana bam;akusekho namnye useleyo.Akukho nokuba abe mnye onokuvusa intente yam;akukho namnye wokuxhoma umkhusane.

21 Abelusi baba bantu ziziyatha,ababuzi nto kuNdikhoyo.Yiyo loo nto bengenampumelelo nje,nemihlambi yabo ithe qhu saa.

22 Phulaphulani, kufika udaba.Kuvakala intshukumo ivela ngasentla.Luza kutsho kube senkangala kwiidolophu zakwaJuda,zitsho zibe zizikhundla zoodyakalashe.

23 Ndikhoyo, ndiyazi ukuba akukho bani ulawula ikamva lakhe,nokuba akukho mntu uphethe ubomi bakhe.

24 Ndiluleke, Ndikhoyo,kodwa kube ngobulungisa,kungabi ngomsindo wakho,hleze ndingabi nto.

25 Ingqumbo yakho yikhuphele kwiintlanga ezingakuvumiyo,naphezu kwezizwe ezingalinquliyo igama lakho,kuba zimdlile uYakobi zamgqiba,aza amadlelo akhe aba yinkangala.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52