1 Lavakala kum ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2 “Uze ungakhe uzeke mfazi, uzale oonyana neentombi kule ndawo.
3 Ngokusingisele koonyana neentombi zalapha, kunye noonina nooyise babo, utsho uNdikhoyo ukuthi:
4 ‘Baza kufa zizifo ezibulalayo, bangazilelwa, bangangcwatywa nokungcwatywa. Izidumbu zabo ziya kudunduluza emadlelweni okwamalongwe. Baza kufa likrele okanye yindlala, baxholwe ziintaka, badliwe nangamarhamncwa.’ ”
5 Ewe, utsho uNdikhoyo kum ukuthi: “Ungaze ungene kumzi apho kuqhutywa isiko lokuzila. Ungazileli okanye ukhuze namnye umntu. Kaloku ndilususile kwaba bantu uxolo lwam; andisayi kuba nanceba nabubele kubo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
6 “Abaphakamileyo nabaphantsi baza kufa ngokufanayo. Abayi kulilelwa, bengazi kungcwatywa nokungcwatywa. Akukho mntu uya kuziqaphula noya kucheba intloko ngenxa yabo.
7 Akukho bani oya kumnika ukutya evelana naye oswelekelweyo, nditsho nokuba selebhujelwe ngunina okanye uyise. Ewe, akayi kusezwa nethontsi eli.
8 “Uze ungangeni kumzi onesidlo, ungahlali phantsi utye usele kunye nabo.”
9 Kaloku utsho uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: “Ndiza kuyiphelisa loo ntswahla yemigcobo neziyolo, nditsho ilizwi lomtshakazi nelomyeni. Oko nokubona ngawenu amehlo kule mihla yenu.
10 “Wakuba uwavakalisile onke la mazwi, abantu baza kubhekisa kuwe besithi: ‘Kungani na ukuba uNdikhoyo asimisele intlekele engaka? Buyini na ubugwenxa bethu? Siyini na isono sethu esimone ngaso uNdikhoyo uThixo wethu?’
11 Uze wena ubaphendule uthi: ‘Kungenxa yokuba ooyihlo-mkhulu bandishiya, balandela oothixo basemzini, babakhonza, baqubuda kubo. Mna bandifulathela, abawuthobela umyalelo wam.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12 ‘Kodwa nina niziphethe kakubi nabadlula ookhokho benu: nako elowo elandela ukuqaqadeka kwentliziyo yakhe ekhohlakeleyo endaweni yokuba andiphulaphule mna.
13 Ndiza kunikhupha kulo mhlaba, ndinise kwilizwe eningalaziyo nina kunye nooyihlo. Apho nonqula *thixo bambi imini nobusuku, kuba andiyi kunisizela konke mna.’ ”
14 Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo: “Inene, iyeza imihla ekungayi kuba safungwa kuthiwe: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula amaSirayeli eJiputa.’
15 Koko baza kuthi: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula amaSirayeli kumhlaba wangasentla nakwamanye amazwe awayewagxothele kuwo.’ Ndiza kuwabuyisela kowawo umhlaba endawunika ooyise-mkhulu.”
16 Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo: “Niyabona, ndiza kuthumela abalobi beentlanzi abaninzi, baze kubambisa aba bantu, emva koko ndithumele abazingeli abaninzi babazingele kuzo zonke iinduli nakuzo zonke iintaba, nasezimfanteni zamawa.
17 Ndiyayibona into abayenzayo; akukho nto isitheleyo kum; ndiyabubona bonke ubugwenxa babo.
18 Kuqala ndobabuyekeza ngokuphinda-phindiweyo ngenxa yobugwenxa babo nesono sabo, kuba baxabhele umhlaba olilifa lam ngoonomgogwana bezithixo zabo ezingamasikizi alizothe.”
19 *Ndikhoyo, mandla am, nqaba yam,mkhuseli wam ngamaxesha eembandezelo,ziya kuza kuwe iintlanga,zivela eziphelweni zehlabathi,zifike zithi:“Inene, oobawo babebambelele kwizinto zobuxoki,bekhonza oothixo abangamampunge, abangancedi lutho.”
20 Kakade umntu angazenzela uthixo?Hayi bo! Into enjalo ayinakuze ibe nguThixo.
21 Ke ngoko uNdikhoyo uthi:“Niyabona, ngesi sihlandlo ndiza kubafundisa,ndibazise amandla am nokomelela kwam,bandazi ukuba ndinguNdikhoyo igama lam.”