Ujeremiya 49 XHO96

Udaba malunga noAmon

1 Malunga noAmon *uNdikhoyo utsho ukuthi:“Akananyana na uSirayeli?Akanandlalifa na?Kutheni uMilikom elithimbile ilifa likaGadi?Kutheni iidolophu zakwaGadi zimiwe ngabantu bakaMilikom?”

2 Kambe ke, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Niyabona, iyeza imihlaendiya kuyihlabela umkhosi iRabha yama-Amon.Iya kuba yimfumba yamabhodlo,iilali zayo zitshiswe ngomlilo.Ewe, uSirayeli uya kubagxotha abo babemgxothile.”Utsho uNdikhoyo.

3 “Yenza isijwili, wena Heshbhon,kuba iAyi ibhuqiwe.Khalani, zilali zaseRabha;bhinqani ezirhwexayo nizile.Zula-zulani nididekile,kuba uMilikom uya kuthinjwa,nditsho yena kunye nababingeleli neziphathamandla zakhe.

4 Kutheni niqhayisela ngeentili zenu,iintili zenu ezichumileyo?Hayi bo, bantundini abakreqayo,abakholosa ngobutyebi babo!Nithi: ‘Ngubani onokusihlasela?’

5 Niyabona, ndiza kunihlisela unkwantyoluvela kubantu abaningqongileyo.”Lowo ngumlomo weNkosi uNdikhoyo onamandla onke.“Niya kuchitha-chithwa,elowo asabe ngeyakhe indlela,kungabikho bani uzihlanganisayo iimbacu.

6 Kambe ke, emva koko, ndiya kumbuyisela kundalashe uAmon,adle ngendebe endala.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Udaba malunga noEdom

7 Malunga noEdom *uNdikhoyo onamandla onke utsho ukuthi:“Akusekho bulumko na kwaTeman?Sezaphelelwa ngamacebo na iingqondi?Sebutshitshile na ubulumko bazo?

8 Jikani nisabe, nizimele kwimiqolomba emnyama, nina bemi bakwaDedan.Ndiza kumhlisela ishwangusha uEsawu,kuba lifikile ixesha lokuba ndimohlwaye.

9 Andithi xa kuvunwa iidiliya ubakho umbhikico oshiyekayo?Andithi xa kufika amasela ebusuku ayeba ade anele?

10 Kodwa mna ndiya kumhluba konke anako uEsawu,ndimkhuphulule kwezo ndawo azimele kuzo,angabi nako tu ukufihlakala.Uya kucinywa igama yena nenzala yakhe,angabi saba nabo abazalwana nabamelwane.

11 Zishiyeni iinkedama zenu – ndiya kuzondla;kwanabahlolokazi benu mabakholose ngam.”

12 Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Niyabona, kwanâbo bakhangeleka ngathi abakufanelanga ukohlwaywa, nabo bayayisezwa indebe yengqumbo yam. Wena ke ubuya kuthini ukuphoswa sisibetho? Inene, nawe uya kuyisela loo ndebe.

13 Ndifunga iGama lam,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo: “IBhozera iya kuba sisothuso, nehlazo, nentshabhiso, nesiqalekiso, yona needolophu zayo zonke zibe ngamanxuwa ngonaphakade.”

14 Ndive udaba, luvela kuNdikhoyo,kuthunywe isigidimi ezintlangeni ukuthi:“Hlanganani, nilungele imfazwe;qulani, nizimisele ukuyihlasela.”

15 “Edom, ndiza kukwenza ube mncinane ezintlangeni,udeleke ebantwini.

16 Ulahlekisiwe kukoyikeka kwakho nalikratshi lakho,wena omi ezimfanteni zeengxondorha,wena ohleli kwiincopho zeentaba.Nokuba uyakhe phezulu indlu yakho,yaxela eyokhozi,ndokuthula apho.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

17 “Uya kuba sisothuso uEdom.Bonke abadlulayo baya kuthi makatha,baphoxise ngenxa yokubhukuqwa kwakhe.

18 Nqwa nokubhukuqwa kweSodom neGomora needolophu ezingqongileyokuya kuba njalo ukubhukuqwa kwelamaEdom –akuyi kuba sabakho bani uhlala khona,kungabikho kwamphambukeli apho.”Utsho uNdikhoyo.

19 “Njengengonyama ephuma kwiintshinyela zamatyholo aseJordan,isiya emadlelweni ahlala eyokozela,kuya kuba njalo ukumgxotha kwam ngephanyazo kwelakowabo uEdom.Ngubani na onyuliweyo nendiya kumalatha ukuze andenzele oku?Kakade ngubani na onjengam onokumelana nam,ingubani umalusi onokuxaba endleleni yam?

20 Ke ngoko liveni icebo likaNdikhoyo alicebileyo nge-Edom,izigqibo zakhe agqibe ngazo ngokubhekiselele kubemi bakwaTeman.Inene, namatakane aya kuqwengwa,umhlambi uthi khumnqa ngenxa yawo.

21 Ihlabathi liya kunyikima sisithonga sokuwa kwabo.Isandi sokukhala kwabo siya kuvakala de kuye kutsho kuLwandle oluBomvu.

22 Khangela, ukhozi luyantinga lundande;lutweza amaphiko phezu kweBhozera.Ngaloo mini intliziyo yamagorha akwaEdomiya kuba njengentliziyo yomfazi ophethwe yinimba.”

Udaba malunga neDamasko

23 Malunga neDamasko *uNdikhoyo uthi:“Ihlazekile iHamati neApadi,kuba kuviwe iindaba ezimbi.Bancamile, bakhathazekile;bafana nolwandle olungenakuzola.

24 IDamasko ityhafile;ijikile, yasuka yabaleka.Ifikelwe kukunkwantya;ihlelwe yimbandezelo nenimba njengozalayo.

25 Hayi ukulahlwa kwesi sixeko ebesisakuba sesidumileyo,isixeko ebesisakuba yindawo yemihlali!

26 Inene, amadodana aso aya kuwa ezitalatweni;onke amajoni aso aya kuthi cwaka ngaloo mini.”Ewe, nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamandla onke; uthi:

27 “Ndiya kusintumeka umlilo isixeko saseDamasko,atshiswe nguwo amabhotwe kaBhenadadi.”

Udaba malunga namaKedare nesixeko iHazore

28 Malunga namaKedare nezikumkani zaseHazore awazihlaselayo uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Phakamani niwahlasele amaKedare,nibatshabalalise abantu basempumalanga.

29 Ziya kuthinjwa iintente zabo nemfuyo yabo,kumkiwe nemikhusane yabo nempahla esezintenteni zabo,nditsho kwaneenkamela zabo.Kuya kumemezwa kubo kuthiwe:‘Lunxunguphalo macala onke!’

30 “Sabani! Balekani ngamandla!Zimelani kwimiqolomba emnyama, nina bemi baseHazore.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Kaloku uNebhukadenezare, ukumkani waseBhabheli,ucebe icebo malunga nani,wagqiba izigqibo ngani.

31 “Phakamani niye kuhlasela uhlanga oluzonwabeleyo,uhlanga oluhleli lungenaxhala.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Nditsho olungenazingcango namivalo,uhlanga oluzihlalele lodwa bucala.

32 Iinkamela zabo ziya kuphangwa,imihlambi yabo ngobuninzi bayo ibe lixhoba.Ndobachitha-chitha baphetshethwe ngumoya abo banwele zichetyiweyo ezintlafunweni.Ndobahlisela ishwangusha macala onke.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

33 “IHazore iya kuba sisikhundla soodyakalashe,kube senkangala kude kube nini-nini.Akuyi kuhlala bani khona,kungabikho mntu uphambukela apho.”

Udaba malunga nelakwaElam

34 Nalu udaba *lukaNdikhoyo olwavakala kumshumayeli uJeremiya malunga nelakwaElam esandula ukuqala ukuphatha uZedekiya ukumkani wakwaJuda.

35 Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Niyabona, ndiza kusaphula isaphetha sakwaElam;eso kanye sisisiseko sobugorha babo.

36 ElakwaElam ndiza kulizisela imimoya yomineephuma macala onke.Ndobachitha-chitha kuloo mimoya yonke,kungabikho luhlanga bangafikiyo kulo abachithiweyo bakwaElam.

37 Ndowenza amaElam ankwantye akuqubisana neentshaba ezizungula ubomi bawo,ndowahlisela intlekele ukuvutha komsindo wam.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Ndowaleqa ngekrele, ndide ndiwagqibe.

38 Ndiya kumtshabalalisa ukumkani wakhona kunye neziphathamandla zakhe,ibe ndim olawula apho.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

39 “Kambe ke, kwimihla ezayo,ndombuyisela kundalashe uElam,adle ngendebe endala.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52