Ujeremiya 46 XHO96

Udaba malunga neJiputa

1 Nanga amazwi *kaNdikhoyo awawabhekisa kwiintlanga ngomshumayeli uJeremiya.

2 Udaba oluya eJiputa luphathelele kumkhosi kakumkani uNeko waseJiputa owemisa eKarkemishe ngakumlambo iEfrati, wona waswantsuliswa ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli ngonyaka wesine ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya elawula kwaJuda:

3 “Bophani amakhaka amancini namakhulu,nisinge edabini.

4 Bophani amahashe, nitsho phezulu.Yimani xhonkxosholo, nithwele izigcina-ntloko.Zikhazimliseni iintshuntshe, nifake isinxibo sentsimbi.

5 Nibona ntoni ngoku?Bayankwantya; nâbo behlehla.Ayaswantsuliswa amagorha abo; acela kwabasicatyana; akabheki nangasemva.Lunxunguphalo macala onke, utsho uNdikhoyo.

6 Nonamendu akanakuphuncula; negorha alinakusinda.Bafadalele phaya emantla; bawile ngakumlambokazi iEfrati.

7 Ngubani lo uvumbuluka ngathi yiNayile,ngathi ngamanzi emilambo adlokovayo?

8 Tyhini, yiJiputa le ivumbulukayo ngathi yiNayile!Yiyo engathi ngamanzi emilambo adlokovayo.Ithi: ‘Ndiya kuvumbuluka,ndiwuthi gqume umhlaba,ndikhukhulise izixeko nabemi bazo.’

9 Iwuu, maqela amahashe!Phuthumani, madod' akhwel' iinqwelo; phambili, magorhandini!Nditsho nina, maKushe namaPuti, nina baphethe amakhaka;nani, maLudi, nina bafohlele iintolo!

10 Lo ngumhla kaNdikhoyo, uThixo onamandla onke.Ngumhla wokuziphindezela kwiintshaba zakhe lo.Liza kudla lihluthe ikrele,lisele lide lidikwe ligazi.Ewe kaloku, iNkosi uNdikhoyo onamandla onkewenzelwa idini kwelasentla ngakumlambo iEfrati.

11 “Ntombindini iyiJiputa, yiya eGiliyadi,uye kufuna khona amayeza okubopha.Kudala uwafuna amachiza;alikho eliya kuwanyanga loo manxeba unawo.

12 Ihlazo lakho livakele ezizweni;ukukhala kwakho kuligqibile ihlabathi.Igorha likhubeka kwelinye;omabini awa ndawonye.”

13 Nali ilizwi likaNdikhoyo awalithetha kumshumayeli uJeremiya malunga nokuhlaselwa kweJiputa nguNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli:

14 “Bikelani iJiputa,nivakalise eMigidoli,nixele eNofu naseTapanesi.Yithini:‘Lungela imfazwe uxhobe,kuba ikrele liza kudla kuwe macala onke.’

15 Yini na ukuba amakhalipha akho akhahlelwe phantsi?Akanakuma, kuba uNdikhoyo uwathe ntlithi, aya kuwa.

16 Kukhubeka abaninzi;ewe, omnye uwa phezu komnye,baze bathi: ‘Masiphakame,siye kowethu kwelokuzalwa,simke kwikrele eligwazayo.’

17 Apho baya kuvakala besithi:‘Ukumkani waseJiputa uyarharhama nje;uliphosile ithuba lakhe.’

18 “Ndikho nje ndiyafunga,”nguwo lowo umlomo kaKumkani ogama linguNdikhoyo onamandla onke.Uthi: “Ukho ozayo,enjengeTabhore phakathi kweentaba,enjengeKarmele engaselwandle.

19 Yilungiseleleni ukuya ekuthinjweni imithwalo yenu,nina bemi baseJiputa,kuba kaloku iNofu iza kudilizwa,ibe ngamabhodlo angahlalwa bani.

20 “IJiputa lithokazi elihle kakhulu;kodwa isibawu esivela ngasentla inene siyeza!

21 Amajoni angabaqeshwa aseJiputaafana neenkunzana ezityebileyo,suka nawo ajika abaleka,akwema nalinye.Afikelwe yimini yentlekele,ixesha lokohlwaywa kwawo.

22 IJiputa ifutha oku kwenyoka erhubuluzayo,kuba utshaba olunamandla alufikanga lugalelekile!Luya kunifikela ngamazembe okwamadoda agawula imithi.

23 Luya kuligeca liphele elo hlathi lakho lishinyeneyo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Akamaninzi – yinyambalala engenakubalwa oku kweenkumbi.

24 Intombi enguJiputa ihlazekile;inikelwe esandleni sesizwe esivela ngasentla.”

25 UNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, uthethile wathi: “Ndiza kumohlwaya *uthixo waseNo uAmoni, kunye namaJiputa noothixo bawo, namatshawe, nokumkani waseJiputa, nabo bonke abathembele kuye.

26 Ndiza kubanikezela esandleni salowo uzungula ubomi babo, uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli namaphakathi akhe. Phofu eli lizwe laseJiputa lobuya limiwe njengakwimihla yamandulo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

USirayeli uza kusindiswa

27 “Uze ungoyiki, wena sicaka sam Yakobi;ungaxhalabi, wena Sirayeli.Uyabona, ndiya kukuhlangula,ndikuphuthume kuloo ndawo ikudeapho ungumthinjwa khona,wena nenzala yakho,abuye uYakobi azole,onwabe,angoyikiswa mntu.

28 Uze ungoyiki, wena sicaka sam Yakobi.”Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.“Kaloku mna ndinawe.Ndiza kuziphanzisa zonke iintlanga endikuchitha-chithele kuzo,kodwa andiyi kukuphanzisa wena.Nawe phofu uya kohlwaywa;ndiza kukuqeqesha,phofu ndingabi ngqongqo kuwe.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52