Ujeremiya 7 XHO96

Intshumayelo kaJeremiya endlwini kaNdikhoyo: Umzekelo weShilo

1 Kwafika ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya lisithi:

2 “Yiya emasangweni endlu kaNdikhoyo, ufike udanduluke uthi: Nali ilizwi likaNdikhoyo; liveni nina bantu bakwaJuda abangena ngala masango ukuza kunqula uNdikhoyo.

3 Utsho uNdikhoyo onamandla onke, onguThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Yilungiseni ihambo yenu, ngokunjalo nezenzo zenu, khon' ukuze ndinizinzise nime kule ndawo.

4 Musani ukulahlekiswa ngamazwi obuxoki athi: “Yindlu kaNdikhoyo le; yindlu kaNdikhoyo le; ewe, yindlu kaNdikhoyo le, soze kwenzeke nto kuyo!” ’

5 “Kodwa ukuba niyayilungisa ngenene ihambo yenu, ngokunjalo nezenzo zenu, naza nenza ubulungisa omnye komnye,

6 ningabacinezeli abangeneleli, okanye iinkedama nabahlolokazi, ningaphalazi igazi elimsulwa apha, ningazenzakalisi ngokunqula izithixo,

7 mna ndonizinzisa kule ndawo ingumhlaba endawabela ooyihlo ukuba bawume ngonaphakade.

8 “Kodwa naku nina nikholose ngamazwi alambathayo.

9 Ningamasela, izigwinta, abakrexezi, abafunga bexoka; ninqula uBhali kunye noothixo basemzini.

10 Kanti noko niza apha kule ndlu ibizwa ngegama lam, nifike nithi: ‘Sisindile!’ Nisinde ukuze nenze la manyundululu?

11 Ngaba le ndlu ibizwa ngegama lam ingumqolomba wezihange na? Ndinijongile!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

12 “Khanenjenjeya, niye eShilo apho lalinqulwa khona igama lam mandulo. Niya kuyibona into endayenza yona loo Shilo ngenxa yobugwenxa babantu bam amaSirayeli.

13 Ngoko ke, ngenxa yezi zenzo zenu zonke, utsho uNdikhoyo, ndithethile nani amaxesha ngamaxesha, anaphulaphula, ndanibiza anasabela,

14 ngako oko le ndlu ibizwa ngegama lam enithembele kuyo ndiza kuyihlisela isehlo esehla eShilo, naxa ndandiyinike nina nooyihlo-mkhulu.

15 Ndiza kunigxotha phambi kwam njengoko ndawagxothayo amawenu amaEfrayim.”

Iinkani zamaSirayeli

16 “Wena ke uze ungabathandazeli aba bantu, ungabathetheleli, ungabacengeli kum, ungabangxengxezeli kum konke, kuba andisobe ndikuphulaphule.

17 Akuziboni ke wena izinto abazenza kwiidolophu zakwaJuda nakwizitalato zeJerusalem?

18 Abantwana bayatheza, ooyise baphembe, abafazi bona baxove intlama yokwenzela ukumkanikazi wesibhakabhaka amaqebengwana. Bongezelele ukundidela ngokunikela ngeminikelo ethululwayo *koothixo basemzini. Ngayo yonke loo nto bayandixhokonxa.

19 Ngaba ndim ngenene lowo bamphoxayo? Abaziphoxi bona ziqu? Bazenzakalisile!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

20 Itsho ke ngoko iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: “Ndiza kuwuthululela kule ndawo umsindo wam nengqumbo yam, phezu kwabantu nemfuyo, imithi yasendle nemveliso yomhlaba. Uza kuba ngumlilo ongacimiyo umsindo wam.”

21 Utsho uNdikhoyo onamandla onke onguThixo kaSirayeli ukuthi: “Qhubani, nongeze amanye amadini kula atshiswayo, nitye inyama.

22 Kaloku mhla ndabakhuphayo eJiputa ookhokho benu into endayithethayo kubo ayibanga yimimiselo ngokwenza amadini kunye namadini atshiswayo.

23 Hayi, ndabayalela ndisithi: ‘Liphulaphuleni ilizwi lam, khon' ukuze ndibe nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam. Ewe, hambani ngendlela yonke endinimisele yona, nize nilungelwe.’

24 Ke bona abandiphulaphulanga; abandihoyanga kwaphela. Basuka baba nenkani, benza amaqhinga beqhutywa yinkohlakalo yeentliziyo zabo, babuya umva endaweni yokuqhubela phambili.

25 Kodwa ukususela mhla baphuma eJiputa, kude kube ngoku, ndisoloko ndithuma izicaka zam abashumayeli kuni imihla ngemihla.

26 Kambe aba bantu abandiphula-phulanga, abandihoya nokundihoya; suka baqaqadeka, benza ububi nangaphezu kooyise-mkhulu.

27 “Ungawathetha kwaba bantu onke la mazwi, kodwa abasoze bakuve; ungababiza, kodwa abasoze basabele.

28 Uze uthi ke kubo: ‘Olu luhlanga olungaliphulaphuliyo ilizwi likaNdikhoyo uThixo walo.’ Abaqeqesheki. Ukuthembeka akukho kubo – akusakhankanywa phakathi kwabo.

29 “Cheba intloko yakho, Jerusalem,ubonakalise ukuzila.Yenza isimbonono eluqayini,kuba uNdikhoyo usicekisile wasilahla esi sizukulwana simbange ingqumbo.”

INtili yeNtshabalalo

30 “Abantu bakwaJuda benze into embi.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Bamise izithixo zabo ezinezothe endlwini yam, bayixabhela.

31 Benze isibingelelo ekuthiwa yiTofeti kulaa ntili kaBhen-hinom, khon' ukuze apho benze amadini ngoonyana neentombi zabo, babatshise. Andizange ndibayalele njalo; andizange ndikucinge nokukucinga oku.

32 Kodwa liyeza ixesha xa ingayi kuba sabizwa ngokuba yiTofeti okanye intili kaBhen-hinom, koko ibizwe ngokuba yiNtili yeNtshabalalo, kuba kongcwatywa kude kuphele umhlaba,

33 izidumbu zolu hlanga zibe kukutya kweentaka namarhamncwa, angagxothwa bani.

34 Ndiya kuyiphelisa ezixekweni zakwaJuda nasezitalatweni zaseJerusalem intsholo yolonwabo kwanemigcobo yomyeni nomtshakazi. Elo lizwe lonke loba yinkangala.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52