1 Nali ilizwi *likaNdikhoyo elavakala kumshumayeli uJeremiya mayela neFilistiya ngaphambi kokuba ukumkani waseJiputa ahlasele iGaza;
2 lithi utsho uNdikhoyo ukuthi:“Khangela ukuvumbuluka kwamanzi ngasentlaatsho abe ngumdolomba oya kugubungela umhlabanako konke okukuwo,izixeko nabemi bazo.Abantu baya kukhala,batsho ngesijwili bonke abemi balapha.
3 Ngenxa yesingqi sokuphala kweembalasane zamahashe,nokugoqoza kweenqwelo,nokuxokozela kwamavili,ooyise babashiye enyanyeni abantwana,kuba izandla zabo ziwile.
4 Kaloku ufikile umhla wokutshatyalaliswa kwawo onke amaFilistiya,nokuphanziswa kwawo onke amasalela anokunceda iTire neSidon.Kaloku uNdikhoyo uza kuyitshabalalisa iFilistiyaelisalela lababevela kwisiqithi saseKafetori.
5 IGaza iza kucheba izile,iAshkelon yona ikhwankqiswe.Masalelandini asemathafeni,koda kube nini na nizicenta nimbambazela?
6 “ ‘Hayi bo, krelendini likaNdikhoyo,wopheza nini na?Rhoxa ubuyele esingxotyeni,uphumle uzole.’
7 Kambe ke lingathini ukuphumlauNdikhoyo elinike umsebenzi nje eAshkelonnakumathafa angaselwandle?Uthe maliye kutyakatya apho.”