Ujeremiya 3 XHO96

Ukungathembeki kukaSirayeli

1 “Xa indoda imalile umkayo,aze yena emke aye kwendela kwenye indoda,ngaba ingaphinda ibuyele kuye?Ngaba ilizwe lobe lingaxajelwanga ngokupheleleyo?Hayi bo! Ubhatyaze nezithandwa zakho ezininzi, Sirayeli,ukanti noko usafuna ukubuyela kum?”Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.

2 “Phakamisela amehlo akho ezincotsheni zeenduli;kuphi apho ungazanga wambathwe khona?Ubufudula uhlala ecaleni lendlela,ulindele izithandwa zakho,oku komArabhu ohleli entlango.Hayi bo, eli lizwe ulixabhele ngobubi bokuhenyuza kwakho.

3 Yiyo loo nto neemvula zanqanyulwayo nje;yiyo loo nto neyasentlakohlaza ingasaniyo nje.Akusenasazela oku kwehenyukazi;sewaphelelwa naziintloni.

4 “Ukanti kwawena usathi kum:‘Kaloku, tata, uyintandane yam kwasebutsheni bam.

5 Akunako ukuhlala unomsindo;akuyi kundiqumbela kude kuye esiphelweni.’Yintetho yakho ke leyo,kodwa wenza amanyundululu kangangoko!”

USirayeli noJuda mabazohlwaye

6 Kwathi ngexesha uJosiya ukumkani wayesesihlalweni, ndafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo lisithi: “Uyibonile into andenze yona umkreqikazi uSirayeli? Uhambe ehenyuza ezindulini eziphakamileyo nangaphantsi kwemithi eyokozelayo.

7 Ndandiba uya kuthi emva kwayo yonke loo nto abuyele kum. Kodwa akabuyelanga kum, yaye nodade wabo ongathembekanga uJuda wayibona loo nto.

8 UJuda wabona ukuba umkreqikazi uSirayeli ndamnika incwadi yoqhawulo-mtshato ngenxa yokukrexeza, kodwa yena akazange othuke, suka naye ngokwakhe wangena kolo krexezo.

9 Ngenxa yokuba yaba yinto elula kumkreqikazi uSirayeli ukuhenyuza, walixabhela ilizwe, kuba wayekrexeza ngokunqula izinto ezingamatye nemithi.

10 Kuyo yonke loo nto uJuda udade wabo ongathembekanga akazange abuyele kum ngentliziyo yonke, wasuka wandixokisa.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

11 UNdikhoyo uqhube wathi kum: “Noko ityala lomkreqikazi uSirayeli linganeno kwelikaJuda ongathembekanga.

12 Bhekisa emantla, ubhengeze olu daba, uthi:“ ‘Guquka, mkreqikazindini Sirayeli!’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.‘Andizi kuba sakukhangela ngobuso obusangeneyo,kuba ndinenceba.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.Úthi: ‘Andiyi kuhlala ndiniqumbele.

13 Buvume nje kuphela wena ubugwenxa bakho,ngokuba umvukele uNdikhoyo uThixo wakho,wasuka wazandlalela abasemzini ngaphantsi kwemithi eyokozelayo,awalithobela ilizwi lam.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

14 “Buyela kum, lusaphondini olukreqayo!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ndim inkosi yenu. Ndiza kukhetha umntu abe mnye edolophini, babe babini kwisizwe ngasinye, ndinibuyisele kwaseZiyon,

15 ndinithumele abelusi abasenyongweni kum, banaluse ngolwazi nengqiqo.

16 Niya kuthi ke nakuba nandile naba baninzi ngaloo mihla,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “ningabi sathi: ‘Nantsi ityesi yomnqophiso.’ Ewe, ayiyi kuba sathi chapha nasezingcingeni zenu, ingakhunjulwa nokukhunjulwa oku, ingadingeki nokudingeka, ingaze ibuye yenziwe nokwenziwa.

17 “Ngaloo mihla kuya kuthiwa iJerusalem isisihlalo sokulawula sikaNdikhoyo, zonke iintlanga zibuthelane khona, zize kunqula igama likaNdikhoyo, zingabuye zihambe ngokokuqaqadeka kweentliziyo zazo ezikhohlakeleyo.

18 Ewe, ngaloo mihla indlu kaJuda iya kumanyana nendlu kaSirayeli, zisuke kunye ngasentla, ziye kutsho kumhlaba endawunika ooyihlo-mkhulu ukuze ube lilifa labo.”

Ukreqo lwabantu bakaThixo

19 “Ndandiba ndiza kukwenza unyana wam, Sirayeli,ndikwabele umhlaba onqwenelekayo,ilifa eliyokozelayo ukudlula eleentlanga zonke.Ewe, ndandiba ùza kuthi kum: ‘Tata;’ungaze ukutyeshele ukulandela ekhondweni lam.

20 Wena, Sirayeli, akukhange uthembeke kumoku komfazi ongathembekanga kumyeni wakhe.”Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.

21 Ewe, kuvakala ilizwi lihlokoma ezincotsheni zeenduli;sisililo nezitarhuziso zoonyana bakaSirayeli,kuba bâzenza gwenxa iindlela zabo,bamlibala uNdikhoyo uThixo wabo.

22 “Buyelani kum, bantwanandini abakreqayo,ndininyange luphele ukreqo lwenu.”“Sesilapha; size kuwe.Kaloku nguwe, Ndikhoyo, uThixo wethu.

23 Ngenene iingxokozelo ezindulini nasezintabeni bubuqhetseba;ngenene kuphela nguNdikhoyo uThixo wethu omhlangulayo uSirayeli.

24 Ukususela ebutsheni bethu isithixo esilisikizi sizigqibile iziqhamo zokubulaleka koobawo,nditsho iinkomo zabo neegusha zabo,oonyana neentombi ngokunjalo.

25 Masizikhahlele phantsi ngenxa yeentloni,lisigubungele ihlazo lethu,kuba sinesono phambi koNdikhoyo uThixo wethu,thina noobawo bethu.Ukususela kwasebuntwaneni bethu, kude kube ngoku,asizange siliphulaphule ilizwi likaNdikhoyo uThixo wethu.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52