Ujeremiya 5 XHO96

Akukho namnye ulilungisa

1 Uthi *uNdikhoyo:“Zityhutyheni izitalato zeJerusalem,nikhangele nigqale,nizigocagoce iindawo zembutho,nibone ukuba ngaba kukho mntu na olilungisa nonyanisekileyo.Ukuba ngaba ukho nokuba mnye ndoyixolela.

2 Nokuba bangade bafunge bathi: ‘Ndifung' uNdikhoyo,’bafunga ubuxoki.”

3 Ngaba, Ndikhoyo, emntwini akukhangeli ntembeko na?Wabohlwaya, abeva noko.Wababetha kabuhlungu bayimangala ingqeqesho.Bayinyengane ngeenkani; abavumi kuguquka.

4 Suka ndathi:“Ngamahlwempu adengekileyo la.Abayazi indlela kaNdikhoyo;abakuqondi okufunwa nguThixo wabo.

5 Ndiza kuthetha nabakhulu.Ngabo abayaziyo indlela kaNdikhoyo;ngabo abakwaziyo okufunwa nguThixo wabo.”Kodwa nabo xa bebonke bayaphule idyokhwe,baziqhawula izitrophu.

6 Ngoko ke bohlaselwa yingonyama,ingcuka ibatsho babe ngamaswili,kuzula-zule ihlosi libalalele ngasezidolophini zabo.Ukuba nje bakhe baphumela ngaphandlelobathi qwenge-qwenge.Kaloku benze uvukelo,baphikela ukumfulathela uThixo.

7 “Ndingakuxolela njani kodwa,abantwana bakho bendibukule nje?Andithi bafunga bekhahlela oothixo abangento?Ndabondla, suka bona bakrexeza, baquqela emzini wehenyukazi.

8 Bafana neenkunzi zamahashe ezondlekileyo –banqwenela abafazi boogxa babo.

9 Mandingabohlwayi ke ngenxa yento enje;ndingaziphindezeli kwisizwe esinjengesi?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

10 “Ngena usivuthulule isidiliya sakhe,kodwa ungasibhuqi sonke.Wasuse amasebe aso,kuba aba bantu abangabo abakaNdikhoyo.

11 Kaloku indlu kaSirayeli nekaJuda azikhange zithembeke kum mpela.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

12 Kaloku aba bantu bayamxoka uNdikhoyo, bathi: “A, suka! Akazukwenza nto lowo, kungekho nanto iza kusihlela. Asiyi kuhlaselwa bani, kungazi kubakho ndlala apha.

13 Bona abashumayeli ngumoya nje; ilizwi alikho kubo. Maseliba ngabo abahlelwa yile ntlekele.”

14 Ngako oko utsho uNdikhoyo uThixo onamandla onke ukuthi: “Ngenxa yentetho yabo enje, amazwi am ndiza kuwenza abe ngumlilo emlonyeni wakho, bona aba bantu batshiswe nguloo mlilo okweenkuni.

15 “MaSirayeli, ndinizisela uhlanga oluvela kude.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Luhlanga lwamandulo olomeleleyo, oluntetho ningayivayo, kuba ningayazi.

16 Isingxobo seentolo zabo sinjengengcwaba elivulekileyo; zizigantsontso zamagorha amajoni abo!

17 “Hayi sona isivuno nokutya kwenu: baza kukugqiba!Koonyana neentombi zenu: ginyi qobo!Iinkomo neegusha zenu: ginyi qobo!Imidiliya namakhiwane: bimbilili!Izixeko zenu ezinqatyisiweyo, bozitshayela ngekrele;nditsho ezi kanye zilithemba lenu!

18 “Kanti ngaloo mihla andiyi kunitshabalalisa kuphele.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

19 “Xa besithi: ‘Kungani ukuba uNdikhoyo uThixo wethu asiphathe kanje?’ uze uthi kubo: ‘Njengoko nani benikreqile kuNdikhoyo, nanqula oothixo basemzini ezweni lakowenu, ngokukwanjalo ke niza kukhonza iintlanga kweleentlanga.’ ”

UThixo ulumkisa abantu bakhe

20 Yithetheni le nto kwindlu kaYakobi, niyixele nakwaJuda, nithi:

21 “Phulaphulani, bantundini baziziyatha bangaqiqiyo! Ninamehlo kodwa aniboni, nineendlebe kodwa aniva!

22 Ngani ningandoyiki nje?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ngani ningankwantyi nje bubukho bam? Indim nje owabeka intlabathi yangumda wolwandle, umqobo olungasoze luwudlule naphakade. Nditsho nokuba seledloba egquma amaza, akasoze awugqithe.

23 Kodwa aba bantu banenkani, abalawuleki. Bakreqile bemka kum.

24 Àbatsho ezintliziyweni zabo ukuthi: ‘Masimoyike uNdikhoyo uThixo wethu osinika imvula ngexesha ekwindla nasentwasa-hlobo, osipha amathuba okuvuna minyaka le.’

25 Ubugwenxa benu buzigxothile ezi zinto; izono zenu zikuthintele kuni okulungileyo.

26 “Kukho izikhohlakali phakathi kwabantu bam. Zizinto ezilalelayo okwabathiyeli-zintaka; zigcayisela abantu.

27 Izindlu zabo bazizalisa ngobuqhophololo ngathi ziingobozi zizele ziintaka; yiyo loo nto bezizityebi neendwalutho.

28 Ngamaqukunya agudileyo kukutyeba; inkohlakalo yabo ayinamda. Inkedama abayithetheleli ukuze ibe nempumelelo; amalungelo endwayi abawakhuseli.

29 “Mandingabohlwayi ke ngenxa yezi zenzo zabo, ndingaziphindezeli kubantu abanjengaba?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

30 “Kuhle isikizi elothusayo kulo mhlaba.

31 Abashumayeli bashumayela ubuxoki; ababingeleli bona bakhokela ngokwentando yabo, kanti nabantu bam bayakholwa yiloo nto. Kodwa nothini ngomhla wokugqibela?”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52