Ujeremiya 9 XHO96

1 Akwaba intloko yam ibiliqula lamanzi,namehlo am engumthombo weenyembezi,bendiya kukhala imini nobusuku, ndililele amawethu abuleweyo.

2 Akwaba bekukho indawo entlango yokulalisa abahambi,ngendiwashiya amawethu, ndimke,bengabakreqi nje, imbutho yabangathembekanga.

3 “Iilwimi zabo zitsawula ubuxoki okwesaphetha.Ilizwe longanyelwe bubumenemene;ayikho intembeko.Basuka bongeze ububi phezu kobubi.Kodwa mna abandazi.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

4 “Balumkele kwa-abahlobo,ungathembi nkqu nomntakwenu lo,kuba bonke abantakwenu ngamamenemene,abahlobo bayahleba xa bebonke.

5 Ewe, abahlobo bayakhohlisana;akukho uthetha inyaniso.Baziqhelisa ukuthetha ubuxoki,bawaqobe amandla abo ngokona.

6 Inene, umi phakathi kwabantu abakhohlisayo;ngenkohliso yabo abavumi ukundazi.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

7 Ke ngoko utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Ngenxa yale nto abantu bam ndiza kubahluza,ndibavavanye.Akukho ndlela yimbi ngenxa yesono sabo.

8 Lutolo oluhlabaniselayo ulwimi lwabo;luthetha inkohliso.Bayamqhatha ummelwane ngeentetho zabo,ukanti ezintliziyweni zabo bamcuphile.

9 Mandingabohlwayi ke ngenxa yale nto?Mandingaziphindezeli kubantu abanje?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

10 Mna ndiza kugixa,ndililele iintaba, ndizile,kuba amadlelo atshile,akusekho bani uhamba kuwo,akusanxakami nankomo.Iintaka zibalekile,neenyamakazi zimkile.

11 “IJerusalem ndiza kuyitsho ibe ngamabhodlonesikhundla soodyakalashe,ndizitshabalalise iidolophu zakwaJuda,kungahlali bani khona.”Utsho uNdikhoyo.

12 Sisiphi na isilumko esinokuyiqonda le nto? Ngubani oyixelelweyo nguNdikhoyo onokuyichazela abanye? Kungani ukuba lo mhlaba utshatyalaliswe, ube ngumqwebedu wentlango engenakuhanjwa bani?

13 UNdikhoyo uthi: “Bawutyeshele umyalelo wam endabanika wona, àbalithobela ilizwi lam ukuze bahambe ngalo,

14 koko basuka bona balandela iintliziyo zabo ezinenkani, balandela iindlela zooBhali abazifunda kooyise.”

15 Ke ngoko utsho uSomandla-onke uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli ukuthi: “Aba bantu ndiza kubanika ukutya okunedliso, ndibaseze amanzi anetyhefu.

16 Ndiza kubathi saa phakathi kweentlanga abangazaziyo, ezingaziwayo nangooyise, ndibasukele ngekrele ndide ndibatshabalalise.”

Isililo eZiyon

17 Utsho *uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:“Qiqani!Memani abafazi bokuzila,nditsho awona amacikokazi,bahlabele iingoma zesililo.

18 Mabakhawulezise batsho ngesililo,side sintywizise iinyembezi,de amehlo ethu aphalale zizo.

19 Phulaphulani, isililo sivela eZiyon sisithi:‘Awu! Safa saphela!Hayi, ihlazo esikulo!Salishiya ilizwe lakowethu;izindlu zethu zidiliziwe.’ ”

20 Bafazindini, liveni ilizwi likaNdikhoyo.Wabekeleni iindlebe amazwi omlomo wakhe.Fundisani iintombi zenu isimbonono;fundisanani ingoma yesililo.

21 Ukufa kuthubeleze ngeefestilekwatsho phakathi ezindlwini ezinqatyisiweyo;kubanqunqele phantsi abantwana besadlal' esitalatweni,kwabachitha-chitha abafana ezimbuthweni.

22 Kanti ngaphezu koko uNdikhoyo uthi mandithi:“Izidumbu ziya kudunduluza emadlelweni okwamalongwe,njengengqolowa esikwe yashiywa ngumvuni ingenabani wakuyiqokelela.”

23 Uthi uNdikhoyo:“Isilumko masingaqhayisi ngobulumko baso;igorha malingaqhayisi ngobugorha balo;nesihandiba masingazidli ngobutyebi baso.

24 Ke lowo uqhayisayo makaqhayise ngokundazi nokundiqonda;kuba mna ndinguNdikhoyo owenza izibele emhlabeni,nokulungileyo, nobulungisa.Nazo ke izinto ezindikholisayo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

25 Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, iyeza imihla endiya kubohlwaya ngayo kwanabo bolukileyo enyameni.

26 Ndiza kuwohlwaya amaJiputa, namaJuda, namaEdom, nama-Amon, namaMowabhi, kwanâbo bangabemi basentlango abanwele zichetyiweyo ezintlafunweni. Kaloku zonke ezi ntlanga enyanisweni azalukanga. Nkqu indlu kaSirayeli iyonke ayalukanga entliziyweni.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52