Ujeremiya 51 XHO96

1 Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Niyabona, iBhabheli nabemi beLebhe-kamayindibazisela umoya otshabalalisayo.

2 Ndiya kuthumela eBhabheli abantu bokwelaabaya kuyivuthulula baliphanzise ilizwe layo.Baya kuyifikela macala onke ngomhla wentlekele.

3 Umtyedi wesaphetha akayi kuba nako ukudubula ngetolo,angabi naxesha lakuqhayisa ngezambatho zokuzikhusela.Musani ukuwayeka asinde amadodana ayo;wutshabalalise ngokupheleleyo umkhosi wayo.

4 Baya kuwa, bebulewe ezweni lamaKaledi,begwazwe ezitalatweni.

5 Kuba kaloku uSirayeli noJuda abazange bafane nabahlolokazi –abazange bangabi naye uThixo wabo, uNdikhoyo onamandla onke,naxa balizalisayo ilizwe labo lityala lokona onguYedwa kaSirayeli.

6 “Balekani niphume eBhabheli,elowo asindise ubomi bakhe!Musan' ukwenzakaliswa ngenxa yobugwenxa bayo.Eli lixesha lempindezelo kaNdikhoyo;uza kuyibuyekeza ngokwezenzo zayo.

7 IBhabheli ibiyindebe yegolide esandleni sikaNdikhoyo;indebe enxilise lonke ihlabathi.Iintlanga zasela ewayinini yayo,zasuka zageziswa yiyo.

8 IBhabheli iza kuwa ngequbuliso yaphuke;bhombolozani ngenxa yayo.Wafuneleni amafutha aqholiweyo amanxeba ayo;mhlawumbi anganyangeka.

9 “Kothiwa: ‘Siba ngayinyanga iBhabheli, ayiphili.Masiyishiye, elowo ahambe aye ezweni lakowabo,kuba ityala layo logwetywa emazulwini,liphakame laya kutsho phezulu.

10 UNdikhoyo usigwebele, wabubhengeza ubulungisa bethu.Yizani siyibalise eZiyon imisebenzi kaNdikhoyo uThixo wethu.’

11 “Ziloleni iintolo;qulani amakhaka!UNdikhoyo uxhokonkxe ookumkani bamaMedi,kuba unenjongo yokuba iBhabheli itshatyalaliswe.Yimpindezelo kaNdikhoyo leyo,impindezelo ngenxa yendlu yakhe.

12 Ziphakamiseleni ibhanile iindonga zeBhabheli,nongeze abalindi.Bathumeni balinde,nilungise nabalaleli.UNdikhoyo uza kuyiphumelelisa injongo yakhe,akwenze oko akuthethileyo ngabemi baseBhabheli.

13 Wena ohleli ngasemanzini amaninzi,wena obuncwane bungako,sifikile isiphelo sakho,ligalelekile ixesha lokuba usikwe.

14 UNdikhoyo onamandla onke ufungile, ezifunga ngokwakhe,wathi: ‘Ndokutsho uzale ngabantu ngathi ziinkumbi.Iya kuba yimihelele bevuya ngenxa yokoyiswa kwakho.’

15 “Ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe;ngulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe,waza walitwabulula izulu ngokwengqiqo yakhe.

16 Akuvakalisa ilizwi lakhe amanzi ayazongoma ezulwini,kufunquke amafu emaphethelweni omhlaba.Uthumela umbane kunye nemvula,athulule umoya koovimba bakhe.

17 “Bonke ziziyatha ezingenalwazi;ingcibi yegolide iyahlazeka ngenxa yemifanekiso eyiqingqileyo.Imifanekiso yayo eyityhidileyo bubuxoki –kaloku ayinawo umphefumlo.

18 Ingamampunge – izizinto zokugxekwa;ngemini yomgwebo iya kutshabalala.

19 Akanjengabo yena uSahlulelo sikaYakobi –kaloku yena nguMbumbi weento zonke,kwanowesizwe ke esililifa lakhe.NguNdikhoyo uSomandla-onke igama lakhe.

20 “Nguwe, Bhabheli, ibhunguza lam;usisikrweqe sam sokulwa.Ndiya kuzihlekeza ngawe iintlanga,ndizonakalise ngawe izikumkani.

21 Ngawe ndihlekeza ihashe noqabele kulo;ndihlekeze inqwelo yokulwa nokhwele kuyo.

22 Ngawe ndihlekeza indoda nomfazi,ndihlekeze ixhego nomfana,nditsho kwaumlisela nomthinjana.

23 Ngawe ndihlekeza umalusi nomhlambi wakhe,ndihlekeze umlimi nesipani sakhe,nditsho iirhuluneli namagosa azo.

24 Niya kukubona ukubuyekeza kwam,xa ndibuyekeza iBhabheli nabemi bonke belamaKaledingenxa yobubi bonke ababenze kwiZiyon.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

25 “Uyabona, ndikuchasile, ntabandini yokonakalisa,wena olonakalisileyo lonke ihlabathi.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Ndiya kolula isandla sam phezu kwakho,ndikuqengqe uhle emaweni,ndikwenze intaba etshisiweyo.

26 Akukho litye lokwakha ikona eliya kuthathwa kuwe,kungekho litye lasiseko liya kucholwa kuwe,kuba uya kuba yinkangala ngonaphakade.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

27 “Phakamisani ibhanile elizweni!Vuthelani ixilongo ezintlangeni,nizigonyele ukulwa neBhabheli.Zihlabeleni umkhosi, zize izikumkani zeArarati, neMini, neAshkenazi.Yalathani injengele yokuhlasela,nithume amahashe ngathi ziinkumbi ezinyakazelayo.

28 Zigonyeleni ukulwa neBhabheli iintlanga,nditsho ookumkani bamaMedi,neerhuluneli zabo, kunye nawo onke amaphakathi azo,kwakunye nezizwe zonke ezilawulwa zizo.

29 Ihlabathi liyanyikima, liyazibhija-bhija,kuba uNdikhoyo uyaziphumelelisa izigqibo zakhe azigqibe ngeBhabheli.Ilizwe laseBhabheli ulenza libe yinkangala,lingabi samiwa bani.

30 Amagorha aseBhabheli ayekile ukulwa;akasaphumi ezinqabeni.Ubugorha bawo buphelile;basuke baba njengabafazi.Izindlu zazeBhabheli zintunyekwe umlilo;yaphukile imivalo yamasango ayo.

31 Isigidimi sandulela isigidimi,umbiki alandele umbiki,bonke bebikela ukumkani waseBhabheli ukuba isixeko sakhe sonke sithinjiwe,

32 besithi amazibuko avingciwe,iingcongolo ezingasesizibeni somlambo zantunyekwa umlilo,asuka amajoni ankwantya luloyiko.”

33 Utsho uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi:“Intombi eyiBhabheli injengebala lokubhulelangexesha lokugangathwa kwalo;ngexesha elingephi wofika umhla wokuba kuvunelwe kulo.”

34 “Usidlile uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli;usimfimfithe wasishiya sisisitya esize.Usiginye njengengwenya,izimuncu-muncu zethu wazenza ukutya kwakhe,waza wasenza into yokuxukuxa.

35 Ugonyamelo esiluve emizimbeni yethumalubuyekezwe kwiBhabheli,”batsho abemi beZiyon.“Igazi lethu malibizwe kubemi belamaKaledi,”itsho iJerusalem.

36 Ke ngoko utsho uNdikhoyo ukuthi:“Uyabona, ndiya kukugwebela, ndikuphindezele.Ndiya kulwenza lutshe ulwandle lweBhabheli,utsho wome umthombo wayo.

37 IBhabheli iya kuba linxuwa,ibe sisikhundla soodyakalashe,nento esisothuso nesigculelo,indawo engamiwa bani.

38 Abantu bayo xa bebonke bagquma njengeengonyama,babharhula njengamathole eengonyamakazi.

39 Xa bavuka umnyele ndobenzela umgidi,ndibanxilise, badlamke,balale ubuthongo,bangavuki ngonaphakade.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

40 “Ndiya kubasa ekuxhelweni njengamatakane,njengeenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.

41 “Hayi ukuthinjwa kweSheshaki!Ibhongo lehlabathi lonke libanjiwe.Hayi ukwenziwa isothuso kweBhabheli phakathi kweentlanga!

42 Ulwandle luya kuyigqumelela iBhabheli,igutyungelwe ngamaza agqumayo.

43 Iidolophu zayo ziya kukhal' ibhungane,ilizwe libe ngumqwebedu nenkqantosi,ilizwe elingamiwa mntu,ilizwe elingacandwa nangumhambi.

44 Ndiya kumohlwaya uBhele uthixo weBhabheli,ndimenze akuhlanze oko akuginyileyo.Iintlanga aziyi kuba saxhontelana kuye,nodonga lweBhabheli luya kuwa.

45 “Phumani kuyo, nina bantu bam,elowo nalowo asindise ubomi bakhe.Kubalekeni ukuvutha komsindo kaNdikhoyo.

46 Musani ukutyhafa okanye noyike xa nithe neva amarhe elizweni.Amarhe aya kulandelana minyaka le,amarhe ogonyamelo elizweni,amarhe okuvukelanakwabaphetheyo.

47 Inene, iyeza imini yokuba ndizohlwaye izithixo zaseBhabheli.Ilizwe layo lonke liya kuhlaziswa,izidumbu zababuleweyo ziya kuqungquluza phakathi kuyo.

48 Ngenxa yeBhabheli kuya kumemelela izulu nomhlabanento yonke ekhoyo phezulu naphantsi.Kaloku iza kuhlaselwa ngababhuqi bevela ngasentla.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

49 “IBhabheli iza kuwa ngenxa yababuleweyo bakwaSirayeli,kanye njengokuba ababuleweyo behlabathi lonkebawayo ngenxa yeBhabheli.

50 Nina nisindileyo ekreleni, yimkani ningaphozisi maseko!Mkhumbuleni uNdikhoyo ezweni elikude,ihlale isezingcingeni zenu iJerusalem.”

51 “Sihlazekile, kuba sive ingcikivo;ihlazo ligubungele ubuso bethu.Kaloku iintlanga zingene ezindaweni ezingcwele zendlu kaNdikhoyo.”

52 “Kambe iyeza imihla endiya kuyohlwaya imifanekiso eqingqiweyo,bancwine ezweni lonke laseBhabheli abangxwelerhekileyo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

53 “Nokuba iBhabheli ithe yaphakama yaya kufikelela ezulwini,nokuba iyinqaba ephakamileyo neyomeleleyo kangangoko,ndiya kuyithumela umbhukuqi.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

54 “Phulaphulani!Kuvakala isikhalo eBhabheli,isandi sobhukuqo olukhulu ezweni lamaKaledi,

55 kuba uNdikhoyo uyayibhukuqa iBhabheli,uyayiphelisa ingxokozelo yayo enkulu.Iintshaba ziya kugaleleka ngathi ngamaza amakhulu elwandle;kuya kuvakala isandi sengxolo yazo.

56 IBhabheli iya kufikelwa ngumbhukuqi,abanjwe amagorha ayo,ziqhawulwe izaphetha zawo.Kaloku nguThixo wempindezelo uNdikhoyo;yena ubuyekezangokupheleleyo.

57 Ndiya kuzinxilisa iziphathamandla nezilumko zayo,kwakunye neerhuluneli namagosa namagorha ayo.Baya kulala ubuthongo, bangavuki ngonaphakade.”Lowo ngumlomo weKumkani egama linguNdikhoyo uSomandla-onke.

58 Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Luya kudilizwa ngokupheleleyo udonga lweBhabhelinangona lubanzi lunjalo.Amasango ayo aphakamileyo aya kutshiswa ngomlilo.Izizwe zifumane zabulaleka;imigudu yeentlanga ziinkuni zomlilo.”

Ukuthunywa kukaSeraya

59 Nali ilizwi *umshumayeli uJeremiya awamwisela umthetho ngalo uSeraya, uNyana keNeriya, unyana kaMaseya, xa wayesiya eBhabheli kunye noZedekiya ukumkani wakwaJuda ngonyaka wesine wolawulo lwakhe. USeraya lo wayengumphathiswa wokulungiselela iindawo zokuphumla abahambi.

60 UJeremiya wabubhala encwadini enye bonke ububi obuya kuyifikela iBhabheli (konke okusekubhaliwe malunga neBhabheli)

61 waza wathi kuSeraya: “Wakufika eBhabheli nakanjani na uze uwafunde ngokuvakalayo onke la mazwi.

62 Uze uthi: ‘Ndikhoyo, uthethile ngale ndawo, usithi uza kuyitshabalalisa, ingabi samiwa mntu, kungabi sabakho namfuyo kuyo, koko ibe ngamanxuwa ngonaphakade.’

63 “Xa ugqibile ukuyifunda le ncwadi, uzubophelele ilitye kuyo, uyiphose esazulwini somlambo iEfrati,

64 uthi: ‘Iya kwenjenje iBhabheli ukutshona, ingaphinde iphume, ngenxa yobubi mna Ndikhoyo endiya kuyihlisela bona. Abemi bayo bafumene babulaleka ilize.’ ”Aphela apha amazwi kaJeremiya.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52