Ujeremiya 33 XHO96

Ukukhululwa ekuthinjweni

1 UJeremiya esavalelwe eyadini yabalindi labuya lavakala okwesibini kuye ilizwi *likaNdikhoyo, lisithi:

2 “UNdikhoyo owenza ihlabathi walibumba walizinzisa, ogama linguNdikhoyo, utsho ukuthi:

3 ‘Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise izinto ezinkulu ezingenakugocagocwa, obukade ungaziqondi,

4-5 nditsho izinto ezimalunga nezindlu zesi sixeko nebhotwe lookumkani bakwaJuda ezadilizwayo, nezimalunga neengqumba zokulwa, namakrele amaKaledi anihlasele ngawo, aza azalisa ezi zindlu ngezidumbu zabantu endandizimisele ukubatshabalalisa ngenxa yomsindo wam ovuthayo xa ndandisifulathele esi sixeko ngenxa yobugwenxa baso obungaka. Ngokubhekiselele kwezi zinto utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi:

6 Ndosinyanga ndisiphilise esi sixeko, ndibathi jize ngoxolo nokhuseleko abemi baso.

7 Abantu bakwaJuda nabakwaSirayeli ndobakhulula ekuthinjweni, ndibamilisele njengangaphambili.

8 Ndobahlambulula ebugwenxeni babo bonke abandone ngabo, ndibaxolele amatyala abo nokundivukela kwabo.

9 Esi sixeko siya kuba ngumthombo wovuyo kum, ibhongo neqhayiya lam emehlweni eentlanga zonke zehlabathi xa zisiva ngezinto ezintle endizenzela sona, zitsho zothuke zinkwantye zakubona uxolo nentlala-kahle exhanyulwayo.’

10 “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Aba bantu bathi le ndawo yinkangala engamiwa mntu nasilwanyana. Ewe, kunjalo: iidolophu zakwaJuda nezitalato zaseJerusalem azinabantu, akukho nazilwanyana. Kanti iza kubuya ivakale

11 intswahla yemigcobo nemincili, kuvakale izwi lomyeni nelomtshakazi, kuvakale ingoma yâbo bazisa umnikelo wombulelo endlwini kaNdikhoyo, besithi:“ ‘ “Makabongwe uSomandla-onke uNdikhoyongokuba elungile,obubele bakhe buhlala buhleli!”“ ‘Eli lizwe ndiza kulibuyisela kundalashe, lichume njengangaphambili.’ Utsho uNdikhoyo.

12 “Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: ‘Kanye kule ndawo iyinkangala, ingamiwa mntu nasilwanyana, kuza kuvela amadlelo apho abelusi baya kwalusela khona impahla, kuvuswe needolophu zayo.

13 Ezidolophini kweleentaba, nezakumazantsi eentaba, nakumzantsi-Juda, kummandla wakwaBhenjamin, nakwiilali ezingqonge iJerusalem, nakwiidolophu zakwaJuda, kobuya kubalwe imfuyo ngabelusi,’ utsho uNdikhoyo.

14 “Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Iyeza imihla yokuba ndisifezekise isithembiso sam kwisizwe sakwaSirayeli nesakwaJuda.

15 “ ‘Ngaloo mihla, kanye ngelo thuba,ndovelisela uDavide ihlumelo elinobulungisa.Uya kuliphatha ngokuthe tye nangobulungisa ilizwe lonke.

16 Ngaloo mihla abantu bakwaJuda bohlala bengabasindileyo,nabemi baseJerusalem bohlala bekhuselekile.Igama eya kubizwa ngalo lelithi: “UNdikhoyo ubulungisa bethu.”’

17 “Ewe, uNdikhoyo uthi: ‘KwaDavide soze inqamke indoda yokulawula kwaSirayeli.

18 NakubaLevi bohlala bekho ababingeleli bokwenza amadini atshiswayo naweenkozo nemibingelelo.’ ”

19 Lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo, lisithi:

20 “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Xa ungatshitshayo umnqophiso wam wemini nobusuku, kungabikho mini nabusuku ngexesha elimisiweyo,

21 ungaphela nomnqophiso wam nesicaka sam uDavide, angabi naye umzukulwana oya kulawula esikhundleni sakhe, kwangokunjalo nomnqophiso wam nabaLevi wokuba bahlale bendikhonza.

22 Njengokuba zingenakubalwa iinkwenkwezi esibhakabhakeni, ingenakulinganiswa nentlabathi elunxwemeni lolwandle, ndiya kwenjenjalo ukusandisa isizukulwana sesicaka sam uDavide nesabaLevi abandikhonzayo.’ ”

23 Lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

24 “Ukuvile na okuthethwa ngaba bantu besithi: ‘Izizwe ezibini awazinyulayo uNdikhoyo uzibukule’? Ngokwenjenjalo banyelisa abantu bam ngokungathi abaselulo uhlanga emehlweni am.

25 Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Xa ungatshitshayo umnqophiso wam wemini nobusuku, khon' ukuze kuphele nemimiselo yam yolungelelwano esibhakabhakeni nasehlabathini,

26 xa kunjalo ndingasibukula isizukulwana sikaYakobi nesikaDavide, isicaka sam, kungabi sanyulwa mlawuli koonyana bakhe alawule inzala ka-Abraham noIsake noYakobi. Unakanye! Ndiza kubakhulula ekuthinjweni, ndibabuyisele kundalashe, ndibathi jize ngemfesane.’ ”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52