Ujeremiya 15 XHO96

Intshabalalo

1 *UNdikhoyo uthe kum: “Nokuba kungade kube kumi uMosis kunye noSamweli apha ngaphambi kwam, bendingasokuze ndibavele aba bantu konke. Bagxothe bemke phambi kwam!

2 Xa bathi: ‘Usigxothela phi?’ uze uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi:“ ‘Abokufa mabaye ekufeni,abekrele ekreleni,abendlala kwindlala,abokuthinjwa ekuthinjweni.’”

3 Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ndiza kubamisela iindidi zibe ne zezibetho. Ikrele liza kubatyakatya, izinja zibarhuqe, badliwe ziintaka, amarhamncwa wona abagqibezele.

4 Baza kutsho bacekiseke kuzo zonke izikumkani zehlabathi ngenxa yento eyênziwa eJerusalem nguManase into kaHezekiya ukumkani wakwaJuda.

5 “Jerusalem, ngubani owovelana nawe,ingubani oya kukukhuza?Ngubani owozikhathaza ukukubuza impilo?

6 Nguwe ondilahlileyo, waza wabuya umva.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.“Ndidiniwe kukuba nosizi nguwe;ngoko ke ndiya kukusa isandla ndikutshabalalise.

7 Ndobachitha-chitha kuzo zonke izixeko zeli lizwe,okomququ ophetshethwayo xa kubhulwa.Ndobahlutha inzala abantu bam, ndibatshabalalise,ngenxa yokuba bengafuni kwahlukana nemikhwa emibi.

8 Abahlolokazi boba baninzi,badlule intlabathi engaselwandle.Emini emaqanda ndobazisela umtshabalalisi oonina bamadodana,ngequbuliso ndobafikela ngonxunguphalo nokunkwantya.

9 Uya kurhoxoza unina wabasixhenxe,aphume umphefumlo,ilanga lakhe litshone kusesemini,ajwaqeke lihlazo naziintloni.Abo baseleyo ndiya kubayekela kwiintshaba zabo,zibagqibezele ngekrele.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

UJeremiya uyakhalaza

10 Awu, mama, ubundizalela ni? Ngoku sendingumntu wempikiswano nengxabano ehlabathini lonke! Andibolekisanga nganto, kungekho nabani endiboleke kuye, kodwa akukho mntu ungandiqalekisiyo.

11 *UNdikhoyo wathi kum: “Inene, ndokukhusela, kuba ndinenjongo elungileyo ngawe. Inene, iintshaba zakho ziya kubhenela kuwe ngexesha lentlekele nokubandezeleka.

12 Unako na umntu ukuyaphula intsimbi, ngakumbi le ivela ngasentla, okanye mhlawumbi ubhedu?

13 “Ubutyebi bakho nendyebo yakho, Sirayeli, ndobunikezela felefele bube lixhoba ngenxa yezono zakho ozenzileyo kulo lonke ilizwe.

14 Ndiya kukunikela kwiintshaba zakho, zimke nawe, zikuse ezweni ongalaziyo, kuba ingqumbo yam ivutha okomlilo oya kukutshisa.”

15 Ke mna ndithe: “Wazi konke, Ndikhoyo. Ndikhumbule, undivelele. Ndiphindezelele kwabo bandisukelayo, uze undinyamezele ndingade nditshabalale. Uyazi ukuba ndingohlaziswayo ngenxa yakho.

16 Akuvakala kum amazwi akho ndiwetyisile, anditsho ndazala yimincili naluchulumanco entliziyweni yam. Kaloku ndibizwa ngokuthi ndingokaNdikhoyo uThixo onamandla onke.

17 Andilibalanga kukuhlala ezimbuthweni zabagxeki, ndiziyolise kuzo. Ndahlala ndililolo, kuba isandla sakho siphezu kwam, kwaza ukukruquka kwakho kwandongamela.

18 “Ngaba kutheni ke ndisahlupheka nje? Zingasapholi nje ezi zivubeko zam, yintoni zingeva kunyangwa nje? Kutheni ngathi ufuna ukungathembeki nje, ngathi ngumfula ongahlali unamanzi?”

19 Ke ngoko utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ukuba uyabuyela kum, ndobuya ndikubuyisele esikhundleni sakho, ube sisicaka sam. Ndobuya ndikwenze umlomo wam, ukuba nje uyayiyeka le mbudede uyithethayo. Baza kubuyela kuwe abantu, ingabi nguwe obuyela kubo.

20 Ndiza kukwenza ube ludonga oluyinqaba yobhedu; bathi bekulwa, bangakoyisi noko. Ndiza kuba nawe, ndikuhlangule, ndikusindise.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

21 “Ndiza kukuhlangula kubantu abakhohlakeleyo, ndikukhulule esandleni sabagonyameli.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52