Ujeremiya 28 XHO96

UJeremiya nomshumayeli uHananiya

1 Kwangaloo nyaka, ngenyanga yesihlanu, kunyaka wesine elawula uZedekiya ukumkani wakwaJuda, uHananiya unyana ka-Azure waseGibheyon wathi kum, sisendlwini *kaNdikhoyo, ngaphambi kwababingeleli nabantu bonke:

2 “Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Ndiyaphule idyokhwe kakumkani waseBhabheli ephezu kwenu.

3 Ngeminyaka emibini ndiza kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaNdikhoyo eyathathwa yasiwa eBhabheli ngukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare.

4 Ndiza kubabuyisela apha ooJekoniya unyana kaJoyakim ukumkani wakwaJuda, nabo bonke abathinjwa bakwaJuda abasiwa eBhabheli.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. Ewe, uthi: ‘Ndiyaphule idyokhwe yokumkani waseBhabheli ephezu kwenu.’ ”

5 UJeremiya umshumayeli wamphendula umshumayeli uHananiya apho ngaphambi kwababingeleli nabantu bonke ababelapho endlwini kaNdikhoyo,

6 wenjenje: “Amen! Akwaba ngenene uNdikhoyo la mazwi entshumayelo yakho ebeya kuwafezekisa, ayibuyisele kule ndawo impahla yendlu yakhe, kunye nabo bonke abathinjwa abaseBhabheli!

7 Kambe ke, khawuve le nto ndiza kuyithetha apha phambi kwakho nangaphambi kwabo bonke aba bantu.

8 Abashumayeli bamandulo, ababekho ngaphambi kwethu, babeshumayela ngemfazwe nendlala nobhubhani, bethetha ngezizwe ezikude nezikumkani ezinamandla.

9 Umshumayeli ke obevakalisa uxolo ebecaca ukuba ungothunywe nguNdikhoyo ngenene xa izinto azishumayelayo zisenzeka.”

10 UHananiya wayixhiwula loo dyokhwe yayisentanyeni yomshumayeli uJeremiya, wayaphula,

11 wathetha apho ngaphambi kwabantu, wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi yena uza kwenjenje ukuyaphula idyokhwe ukumkani uNebhukadenezare ayithwalise izizwe zonke. Iza kwenzeka kwiminyaka emibini loo nto.” Umshumayeli uJeremiya ke usuke wemka.

12 Emva kokuba umshumayeli uHananiya eyaphule idyokhwe eyayisentanyeni yomshumayeli uJeremiya, lavakala ilizwi likaNdikhoyo kuJeremiya lisithi:

13 “Hamba uye kuthi kuHananiya: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ewe, uyaphule idyokhwe eyenziwe ngomthi, kodwa uza kufakwa eyentsimbi.’

14 Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Zonke ezi zizwe ndiza kuzithwalisa idyokhwe yentsimbi, zaye ziza kuba zizicaka zikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Ewe, uza kuthotyelwa nazizilwanyana zasendle uNebhukadenezare.’ ”

15 Emva koko umshumayeli uJeremiya wathi kumshumayeli uHananiya: “Jong' apha, Hananiya, akuthunywanga nguNdikhoyo konke wena, yaye aba bantu ubenza babambelele ebuxokini.

16 Utsho ke kuwe uNdikhoyo ukuthi: ‘Uyabona, ndiza kukususa wena phezu komhlaba. Ungekapheli lo nyaka, uza kufa wena, kuba ufundisa abantu ukukreqa kuNdikhoyo.’ ”

17 Wabhubha ngenyanga yesixhenxe kwakuloo nyaka umshumayeli uHananiya.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52