Ujeremiya 48 XHO96

Udaba malunga noMowabhi

1 Malunga noMowabhi *uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, uthi:“Kunyembelekile!INebho ibhukuqiwe!Yona iKiriyatayim ihlazekile, ithinjiwe;inqaba idiliziwe yahlazeka.

2 Luphele nya udumo lwakwaMowabhi.EHeshbhon baceba ububi ngoMowabhi,bathi: ‘Yizani simphanzise, angabi saba luhlanga.’Nawe Mademena, uza kucinyw' igama;ikrele liza kukusukela.

3 Yivani, naso isililo sivela eHoronayim:‘Lubhukuqo nogonyamelo!’

4 UMowabhi ubhukuqiwe!Iimveku zakhe zivakala zikhala.

5 Amadoda anyuka induli yaseLuhiti ehamba elila engaphezi.Endleleni ehlayo eya eHoronayim ayambambazela;atsho ngesimbonono ngenxa yobhukuqo lukaMowabhi.

6 Balekani nizisindise, oku kweqwarha lasentlango.

7 Ngenxa yokuba uthembele ngamandla nobutyebi bakho nawe uza kubanjwa,aze uthixo wakho uKemoshe athinjwe,yena kunye nababingeleli namagosa akhe.

8 Umtshabalalisi uza kuzifikela zonke iidolophu,kungasindi nanye.Intili yoba ngumqwebedu,ithafa lona lonakaliswe,njengoko watshoyo uNdikhoyo.

9 Lumkisani uMowabhi,nithi uza kudilizwa.Makasabe uMowabhi;makaphume abaleke.Iidolophu zakhe ziza kuba ngamabhodlo,kungabikho mntu uhlala kuzo.

10 “Uqalekisiwe owenza ngobuvila umsebenzi awuphathiswe nguNdikhoyo.Uqalekisiwe lowo unqenayo ukuphalaza igazi ngekrele lakhe.

11 “Kwamhla-mnene uMowabhi ebehlala onwabile;ebezolile njengewayini ecwengileyo, ezibi zayo zisezantsi.Ewe, njengewayini engathululwanga ikhutshelwa kwenye ingqayi,naye akazange asiwe ekuthinjweni.Ngoko ke usenalaa ncasa yamandulo,nevumba lakhe alizange liguquke.”

12 Nguwo ke lo umlomo kaNdikhoyo:“Kuza imihla apho ndiya kuthumela iinjoli eziya kumthulula.Ziya kuziqwela iibhekile, zizaphule iingqayi.

13 UMowabhi uza kuhlazeka ngenxa kaKemoshekanye njengoSirayeli owahlazeka ngenxa yokuthembela kwiBhetele.

14 “Ningatsho njani ukuthi: ‘Singamagorha;sizizigantsontso zokulwa’?

15 Ufikile umtshabalalisi wakwaMowabhi;uza kuzibhukuqa iidolophu zakhe,awubhubhise edabini owona mlisela mhle womkhosi wakhe,”utsho uKumkani ogama linguNdikhoyo, uThixo onamandla onke.

16 “Intlekele imfikele uMowabhi;ishwangusha limgubungele ngephanyazo.

17 Yibani novelwano nguye, nina bamngqongileyo;nina bangqina udumo lwegama lakhe,yithini: ‘Yehaa, yaphukile ingwanyalala yomsimelelo;waphukile umsimbithi wodumo!’

18 “Yihlani ewongeni, nina bemi baseDibhon,nihlale phantsi kwelibharhileyo.Unifikele umtshabalalisi weMowabhi,wazidiliza iinqaba zenu.

19 Yimani ngasendleleni, nina bemi baseArure, nikhangele.Buzani kwindoda esabileyo nakumfazi osindileyo, nithi: ‘Ingaba kwenzekeni na?’

20 UMowabhi uhlazekile kuba ubhukuqiwe.Yenzani isijwili nikhale,nazise abahlala ngaseArnon,nithi: ‘UMowabhi ubhuqiwe.’

21 Yithini isigwebo sifikile kuloo mathafa:eHoloni, eJaza, naseMefati;

22 eDibhon, eNebho, naseBhete-diblatayim;

23 eKiriyatayim, eBhete-gamuli, naseBhete-mewon;

24 eKeriyoti naseBhozera,nakuzo zonke iidolophu zakwaMowabhi,ezikude nezikufuphi.

25 Waphulw' iimpondo uMowabhi;amandla akhe aphanzisiwe.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

26 “Mtshoni ayobe uMowabhi, kuba eziphakamisile phambi koNdikhoyo;makazityikile emhlanzweni wakhe, abe sisigculelo.

27 Kanene uSirayeli wayengesosigculelo senu na?Wakha wabanjwa namasela na uSirayelisele nihlunguzela iintloko nje xa nithetha ngaye?

28 Phumani ezidolophini zenu, nina bemi bakwaMowabhi,niye kuhlala ezingxondorheni,nixele ivukuthu elakhela indlwana phezulu emlonyeni womqolomba.”

29 Sivile ngokukratsha kukaMowabhi.Asilokratshi, kukuzidla nokuzingca;ngenene, kukuzigwagwisanokuziqenya nokukhukhumala kwentliziyo!

30 Nguwo ke lo umlomo kaNdikhoyo:“Ndiyakwazi ukuzidla kukaMowabhi, kodwa kungamampunge;ukuzigwagwisa kwakhe kulilize.

31 Ndiza kwenza isimbonono ngenxa kaMowabhi,ndikhale ngenxa kaMowabhi ephela,kuncwinwe ngenxa yamadoda aseKiriheresi.

32 Wena mdiliya waseSibhema,ndiza kukulilela ngaphezu kokulilela iYazere.Amasebe akho anabe aya kutsho elwandle,ada afikelela kulwandle lwaseYazere.Umtshabalalisi uzifikele iidiliya zakho neziqhamo zakho zasehlotyeni.

33 Uvuyo nolonwabo lumkile kumasimi nezitiya zeziqhamo zakwaMowabi,newayini ndiyinqamle esixovulelweni.Akusavakali nantswahla yabaxovuli;naxa kukho intswahla asiyontswahla yamivuyo.

34 “Isijwili saseHeshbhon sivakele nase-Elale;siye kufikelela eYahazi.Loo ntsholo inabele eZoware;iye kutsho eHoronayim nase-Egelati-shelishiya;kuba kaloku namanzi eNimrim sele atsha qoko.

35 Ndiza kumnqumla kwaMowabhi osondeza amadini ezindaweni eziphakamileyo,nalowo uqhumisela oothixo bakhe.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

36 “Yiyo loo nto nditsho ngesililo ngathi ngumrhubhe wengcongolo,ndililela iMowabhi, nditsho amadoda aseKiriheresi.Buphelile ubutyebi bawo ababebuqwebile.

37 Intloko nganye ichetyiwe,ngokunjalo neendevu zisusiwe;isandla ngasinye sicentiwe,esinqeni ngasinye kwabhinqwa irhonya.

38 Emaphahleni ezindlu zonke zakwaMowabhinasezindaweni zembuthokusisijwili nje sodwa,kuba uMowabhi ndimkrobozileoku kwengqayi engafunwa bani.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

39 “Hayi ukuhlazeka kwakhe;hayi ukubhombholoza kwabo!Hayi ukunikela kukaMowabhi ikhosi ngenxa yeentloni.Usuke waba sisigculelo nesothuso kwabo bamngqongileyo uMowabhi.”

40 Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Khangela ukhozi luyandanda,lutweze amaphiko phezu koMowabhi.

41 Iidolophu ziza kuthinjwa,iinqaba zakhona zihluthwe.Ngaloo mini intliziyo yamagorha akwaMowabhiiya kuba njengentliziyo yomfazi ophethwe yinimba.

42 UMowabhi uza kuphanziswa angabi saba sisizwe,kuba eziphakamisile phambi koNdikhoyo.

43 Ufikelwe kukunkwantya nomhadi nomgibe, wena mmi waseMowabhi.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

44 “Obaleka ngenxa yokunkwantya weyela emhadini;ophuma emhadini, ubanjiswa ngumgibe.Konke oko ndiza kukuhlisela uMowabhi ngonyaka wokumohlwaya kwam.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

45 “Iimbacu zema emathunzini eHeshbhon zityhafile,kuba kusuke kwaqhambuka umlilo kuloo Heshbhon.Kulenya amadangatye kwaSihon;atshisa ibunzi labakwaMowabhi,nokhakayi lwabaqhankqalazi abenza ingxolo.

46 Yehaa kuwe, Mowabhi!Batshabalele abantu bakaKemoshe,kuba umlisela nomthinjana wakho usiwe ekuthinjweni.

47 “Kambe ke, kwimihla ezayo ndombuyisela kundalashe uMowabi,adle ngendebe endala.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.Siyaphela apha isigwebo sesizwe sakwaMowabhi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52