Ujeremiya 20 XHO96

UJeremiya noPashure umbingeleli

1 Umbingeleli uPashure unyana kaImeri, owayengusomaqhuzu endlwini *kaNdikhoyo, uthe akuweva la mazwi,

2 wathi umshumayeli uJeremiya makakatswe, akhonkxwe iinyawo ngezikhuni ngakwisango elingasentla lendlu kaNdikhoyo ekuthiwa lelikaBhenjamin.

3 Ngengomso uthe uJeremiya akukhululwa nguPashure ekukhonkxweni, wabhekisa kumbingeleli lowo wathi: “Igama akunike lona wena uNdikhoyo asinguye uPashure, nguNxunguphele-jikelele.

4 Kaloku utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiza kukwenza unxunguphale wena siqu, unxunguphalise nabahlobo bakho. Uza kubabona ngala wakho amehlo besiwa likrele leentshaba. UJuda ephela ndiza kumnikela esandleni sokumkani waseBhabheli. Abanye yena uza kubasa eBhabheli, abanye ababulale ngekrele.

5 Ubutyebi besi sixeko ndiza kubunika iintshaba zabo – nditsho nkqu nemveliso yabo, nezinto ezixabisekileyo zabo, nendyebo yookumkani bakwaJuda iphela. Ewe, konke oku ndokunikela ezandleni zeentshaba zabo, zikuthimbe, ziye nako eBhabheli.

6 Wena ke, Pashure, kunye nentsapho yakho, uza kuba ngumthinjwa kwelaseBhabheli. Wena kunye nâbo bahlobo bakho ubukade ubashumayeza ubuxoki, niza kufela apho, ningcwatyelwe kwalapho.’ ”

Isikhalazo sikaJeremiya

7 *Ndikhoyo, undicengile ndacengeka;ewe, undongamele, ndaza ndoyisakala.Ndiyintlekisa mihla le;ndisisigculelo sikawonke-wonke.

8 Ndiba ngawuvula umlomo ndidanduluka ndithi: “Lugonyamelo! Yingcinezelo!”Ngoko ke ilizwi likaNdikhoyo lindizisela izithuko nezinyeliso yonk' imihla.

9 Ndiba ngathi: “Andiyi kubuya ndilikhankanye, okanye ndithethe ngegama lakhe,”lisuka libe ngumlilo otshisayo,umlilo ovalelwe emathanjeni am.Ndoyisakele kukuwunqanda;ewe, ndiyanikezela.

10 Ndive abaninzi besebeza besithi:“Lunxunguphalo jikelele!Makamangalelwe, simse ngaphambili!”Nditsho nezihlobo zilindele ukutyibilika kwam,zithi: “Mhlawumbi angarhintyeleka,size simfumane, siziphindezele kuye.”

11 Kodwa yena uNdikhoyo ungakum;ligorha elomeleleyo.Abandisukelayo baza kukhubeka bangaphumeleli.Baza kudana, lingaze lilityalwe ihlazo labo.

12 Ndikhoyo Somandla-onke,wena uwavavanyayo amalungisa,uzigocagoce iintliziyo neengqondo zawo,mandikubone ukuziphindezela kwakho kubo,kuba kaloku umcimbi wam ndiwuphose kuwe.

13 Menzeleni ingoma uNdikhoyo, nimbonge,kuba nguye ohlangula ubomi babahlelelekileyokwigunya labantw' abagwenxa.

14 Unelishwa umhla endazalwa ngawo;mayingathamsanqeliswa imin' uma andizale ngayo.

15 Hayi, ilishwa laloo mntu wazisela ubawo iindaba ezamvuyisayo,esithi: “Uzel' inkwenkwe!”

16 Loo mntu ubenga angafana neziya dolophu uNdikhoyo wazidiliza engenanceba.Ubenga angeva kusitsho umkhulungwana ngentsasa,kuvakale nentlaba-mkhosi ukuqina kwemini.

17 Kaloku yena akazange andibulale ndisesesizalweni,khon' ukuze uma abe lingcwaba lam,sihlale isizalo sakhe sindimithi ngonaphakade.

18 Ngani ukuba ndizalwe kakadeukuze ndibone iinkxwaleko neentsizi,ndide ndiye kufa ndisehlazweni?

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52