Ujeremiya 12 XHO96

UJeremiya uyakhalaza

1 Ulilungisa, wena *Ndikhoyo, xa ndixambulisana nawe,xa ndibhenela kuwe ngeendawo ezinxulumene nobulungisa.Ngaba ibangwa yintoni impumelelo yezibhoja?Kungani amaqhophololo ehleli ethe zava nje?

2 Batyalwe nguwe, zendela iingcambu zabo;bahlumile, bavelisa iziqhamo.Usoloko usemilebeni yabo,kodwa ezintliziyweni zabo ukude lee.

3 Ke wena, Ndikhoyo, uyandibona;uyazigocagoca iingcamango zam ngawe.Barhuqe abantu abagwenxa, baxele iigusha eziya kuxhelwa.Bakhethele bucala, ide ifike imini yokubulawa.

4 Koda kube nini uzilile umhlaba?Koda kube nini itshile ingca emadlelweni?Izilwanyana neentaka ziyafa ngenxa yenkohlakalo yabantu bakowethu.Kanti bathi: “UThixo akasazi isiphelo sethu.”

Impendulo kaThixo

5 *UNdikhoyo wathi: “Xa ububaleka nabantu abahamba ngeenyawo, waza wadinwa, ungakhuphisana njani namahashe? Xa ukhubeka emhlabeni ophangaleleyo, uya kuthini kwiintshinyela zamatyholo aseJordan?

6 Ujikelwe ngabantakwenu nendlu kayihlo, bazimisela ukukwenzakalisa. Uze ungaze ubathembe, nokuba bathetha kamnandi nawe.

7 “Ndoyishiya indlu yam,ndisibukule isizwe esililifa lam,ndimnikele othandwe ndim ezandleni zeentshaba zakhe.

8 Ilifa lam nqwa nengonyama egquma ehlathini: liyandivukela.Kungoko ke ndilithiyile nje.

9 Ilifa lam lifana nengcuka engqingwe ngamakhozi;bizani onke amarhamncwa, eze esidlweni.

10 Kofika abelusi abaninzi,bawuchithe umdiliya wam,basinyhashe isabelo sam esinqwenelekayo,basenze sibe ngumqwebedu.

11 Isabelo sam senziwe inkangala,satsho sangumqwebedu phambi kwam.Umhlaba uphela ulil' ibhungane;akukho bani uwukhathaleleyo.

12 Abatshabalalisi bavele eluqayini entlango.Ikrele likaNdikhoyo liyawutshabalalisa umhlaba macala onke.Akukho namnye uya kusinda.

13 Baya kuhlwayela ingqolowa, bavune ameva.Baza kufumana babulaleke, kodwa bangazuzi lutho.Ngenxa yobushushu bengqumbo kaNdikhoyo niya kuba nesivuno esidanisayo.”

14 Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Malunga nabo bonke abamelwane abakhohlakeleyo abawuthathileyo umhlaba endawunika abantu bam amaSirayeli waba lilifa, ndithi: Ndiza kubagungxula ezweni labo, ngokungathi ndincothula umthi, ndiyinyothule indlu kaJuda kubo.

15 Kambe ndobe ndibenzele inceba ndakuba ndibanyothule, ndibuyisele umntu ngamnye kwilifa lakhe nakumhlaba wakowabo.

16 Kuya kuthi xa bazifundisisile iindlela zabantu bam, bafunge nangegama lam, bathi: ‘Ekho nje uNdikhoyo’ – nanjengoko bebebafundisa abantu bam ukufunga ngoBhali – nabo ndiya kubazinzisa phakathi kwabantu bam.

17 Xa kukho uhlanga olungevayo ndolunyothula; ewe, ndolunyothula ndiluphanzise.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52