10 Namhla ndikumisela phezu kweentlanga nezikumkani ukuba uncothule, udilize, utshabalalise, ubhukuqe, wakhe, utyale.”
11 Lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: “Jeremiya, ubona ntoni?” Ndithe ukuphendula: “Ndibona isebe lomthi wom-amangile.”
12 Uthe kum uNdikhoyo: “Ubone kakuhle. Nam ngokwam ndithe qwa ukuze ndizalisekise la mazwi am.”
13 Libuye lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: “Ubona ntoni?”Mna ndiphendule ndathi: “Phaya ngasentla ndibona imbiza ebilayo, ithambekele ngakweli cala.”
14 Uthe ke kum uNdikhoyo: “Kuza kugqabhuka intlekele ngasentla, igubungele bonke abemi beli lizwe.
15 Kaloku ndiza kubiza zonke izizwe zezikumkani zangasentla.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Ziza kufika ngazinye zimise izihlalo zazo emasangweni aseJerusalem, nasezindongeni zayo, nakuzo zonke izixeko zakwaJuda.
16 Ndiza kubawisela isigwebo abantu bam ngenxa yenkohlakalo yabo yonke, kuba bandifulathele, baza benzela *thixo bambi iziqhumiso, banqula izinto abazenze ngezandla zabo.