12 Ke yena *uNdikhoyo ulidale ngamandla akhe ihlabathi,walizinzisa ngobulumko ilizwe,wasitwabulula ngengqondo isibhakabhaka.
13 Uthi akuduma kuyaluzele amanzi asesibhakabhakeni,kufunquke amafu emaphethelweni omhlaba.Uthumela umbane kunye nemvula,athulule umoya koovimba bakhe.
14 Bonke ziziyatha ezingenalwazi.Ababumbi *boothixo bayahlazeka ngezithixo zabo,kuba oothixo abababumbayo bayinkohliso,kuba abanawo umphefumlo.
15 Zizinto ezingento,izinto zokuphoxisa,izinto eziya kubhanga ngemini yomgwebo.
16 Akanjengabo yena uNxaxheba kaYakobi:nguye owabumba iinto zonke.AmaSirayeli ngabantu bakhe ncakasana.USomandla-onke nguNdikhoyo igama lakhe.
17 Qokelela umthwalo wakho, ulungele ukufuduka, wena uhleli ekungqingweni.
18 Uthi *uNdikhoyo: “Ndiza kubalahlela phandle, ndibazisele inkxwaleko, basiwe ekuthinjweni.”