20 Intente yam ibhukuqiwe;sele kuqhawuke nezo ntambo zayo.Bemkile oonyana bam;akusekho namnye useleyo.Akukho nokuba abe mnye onokuvusa intente yam;akukho namnye wokuxhoma umkhusane.
21 Abelusi baba bantu ziziyatha,ababuzi nto kuNdikhoyo.Yiyo loo nto bengenampumelelo nje,nemihlambi yabo ithe qhu saa.
22 Phulaphulani, kufika udaba.Kuvakala intshukumo ivela ngasentla.Luza kutsho kube senkangala kwiidolophu zakwaJuda,zitsho zibe zizikhundla zoodyakalashe.
23 Ndikhoyo, ndiyazi ukuba akukho bani ulawula ikamva lakhe,nokuba akukho mntu uphethe ubomi bakhe.
24 Ndiluleke, Ndikhoyo,kodwa kube ngobulungisa,kungabi ngomsindo wakho,hleze ndingabi nto.
25 Ingqumbo yakho yikhuphele kwiintlanga ezingakuvumiyo,naphezu kwezizwe ezingalinquliyo igama lakho,kuba zimdlile uYakobi zamgqiba,aza amadlelo akhe aba yinkangala.