7 Ngubani ongakuhloneliyo, wena Kumkani weentlanga?Ewe, ufanelwe yimbeko;akakho onjengawe,nditsho phakathi kwezilumkonaphakathi kwezizwe nookumkani bazo.
8 Ziziyatha nezityhifili xa bebonke;bangafundiswa ntoni ngoothixo abaqingqwe ngomthi?
9 Baqingqwe ngesiliva yaseTashishe,nangegolide evela eUfazi.Okuxhonkxwe ziingcibi nabakhandikwambeswa ngeengubo ezibomvu nezimfusa ezalukwe ngamagcisa.
10 Kodwa nguNdikhoyo onguThixo ngenene;yena unguThixo ophilayo,uKumkani oya kuhlala ehleli.Akuqumba yena umhlaba uyankwantya;izizwe azinakumelana nengqumbo yakhe.(
11 “Baxelele uthi: ‘Abo thixo bangalidalanga izulu nomhlaba, baza kubhanga emhlabeni naphantsi kwezulu.’ ”)
12 Ke yena *uNdikhoyo ulidale ngamandla akhe ihlabathi,walizinzisa ngobulumko ilizwe,wasitwabulula ngengqondo isibhakabhaka.
13 Uthi akuduma kuyaluzele amanzi asesibhakabhakeni,kufunquke amafu emaphethelweni omhlaba.Uthumela umbane kunye nemvula,athulule umoya koovimba bakhe.