9 Baqingqwe ngesiliva yaseTashishe,nangegolide evela eUfazi.Okuxhonkxwe ziingcibi nabakhandikwambeswa ngeengubo ezibomvu nezimfusa ezalukwe ngamagcisa.
10 Kodwa nguNdikhoyo onguThixo ngenene;yena unguThixo ophilayo,uKumkani oya kuhlala ehleli.Akuqumba yena umhlaba uyankwantya;izizwe azinakumelana nengqumbo yakhe.(
11 “Baxelele uthi: ‘Abo thixo bangalidalanga izulu nomhlaba, baza kubhanga emhlabeni naphantsi kwezulu.’ ”)
12 Ke yena *uNdikhoyo ulidale ngamandla akhe ihlabathi,walizinzisa ngobulumko ilizwe,wasitwabulula ngengqondo isibhakabhaka.
13 Uthi akuduma kuyaluzele amanzi asesibhakabhakeni,kufunquke amafu emaphethelweni omhlaba.Uthumela umbane kunye nemvula,athulule umoya koovimba bakhe.
14 Bonke ziziyatha ezingenalwazi.Ababumbi *boothixo bayahlazeka ngezithixo zabo,kuba oothixo abababumbayo bayinkohliso,kuba abanawo umphefumlo.
15 Zizinto ezingento,izinto zokuphoxisa,izinto eziya kubhanga ngemini yomgwebo.