1 Nali ilizwi elamfikelayo uJeremiya livela *kuNdikhoyo:
2 “Phulaphula le miqathango yomnqophiso, uyixelele abantu bakwaJuda kunye nabo bonke abemi baseJerusalem.
3 Yithi kubo utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: Uqalekisiwe lowo mntu ungayithobeliyo imiqathango yomnqophiso,
4 leyo ndayiwisela ooyihlo-mkhulu mhla ndabakhupha eJiputa, ilizwe elalinjengeziko lokunyibilikisa isinyithi kubo. Ndathi kubo: ‘Ndiphulaphuleni, nenze konke endiniyalela kona, khon' ukuze nibe ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wenu,
5 nokuze isifungo endasenza kooyihlo-mkhulu sokubanika ilizwe lobusi nobisi ndisiphumeze.’ Ngulo mhlaba nimi kuwo namhlanje.”Ndaphendula ndathi: “Ewe, amen, Ndikhoyo.”
6 Wathi kum uNdikhoyo: “Hamba ke uvakalise kwiidolophu zakwaJuda nasezitalatweni zaseJerusalem, uthi: ‘Yibekeleni iindlebe imiqathango yomnqophiso, nihambe ngayo.
7 Okoko ndabakhupha eJiputa ookhokho benu ndasoloko ndigxininisa izihlandlo ngezihlandlo ndisithi kubo: “Ndithobeleni.”