10 Babuyele kwikakade looyise-mkhulu abalayo ukundiphulaphula. Bona bâlandela banqula *thixo bambi. Ewe, uSirayeli kunye noJuda bawaphule umnqophiso endawenza kunye nookhokho babo.
11 Utsho ke ngoko uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiza kubahlisela ishwangusha abangayi kuphuncuka kulo. Nokuba sebendibongoza andiyi kubaphulaphula.
12 Abantu bakwaJuda nabaseJerusalem baya kuya kwabo thixo bebekade bebenzela iziqhumiso, bakhale kubo becela kubo uncedo. Kodwa abayi kuzuza luncedo kwabo thixo ngomhla weshwangusha.
13 Oothixo babantu bakwaJuda baninzi kangangezixeko zalapho, ukanti abantu baseJerusalem bamenzele amaqonga eziqhumiso lowa Bhali unezothe kuzo zonke izitalato zalapho.’
14 “Wena ke uze ungabathandazeli aba bantu, ungabathetheleli, ungabacengeli kum, ungabangxengxezeli kum konke, kuba andisobe ndikuphulaphule.”
15 Uthi uNdikhoyo: “Wena ntandane yam, ufuna ntoni endlwini yam xa undenzela iyelenqe kunye nabanye? Ngaba amadini owenzayo olinqanda ishwangusha? Xa bekunjalo ngewuchulumacha!
16 Ndandidla ngokuthi ufana nomthi womnquma oyokozelayo uthwele iziqhamo ezihle ngembonakalo, kodwa ngoku ndiza kuvuthuza ndixele isaqhwithi, ndiwantumeke umlilo amagqabi aloo mthi, ndiwashiye amasebe eze.