5 nokuze isifungo endasenza kooyihlo-mkhulu sokubanika ilizwe lobusi nobisi ndisiphumeze.’ Ngulo mhlaba nimi kuwo namhlanje.”Ndaphendula ndathi: “Ewe, amen, Ndikhoyo.”
6 Wathi kum uNdikhoyo: “Hamba ke uvakalise kwiidolophu zakwaJuda nasezitalatweni zaseJerusalem, uthi: ‘Yibekeleni iindlebe imiqathango yomnqophiso, nihambe ngayo.
7 Okoko ndabakhupha eJiputa ookhokho benu ndasoloko ndigxininisa izihlandlo ngezihlandlo ndisithi kubo: “Ndithobeleni.”
8 Basuka abaphulaphula bona, abandihoya, koko basuka balandela ububi beentliziyo zabo eziqaqadekileyo. Nam ke ndabahlisela zonke iziqalekiso zomnqophiso endathi mabawuthobele, abeva.’ ”
9 Uthe uNdikhoyo kum: “Kukho iyelenqe elenziwa ngabantu bakwaJuda nabaseJerusalem.
10 Babuyele kwikakade looyise-mkhulu abalayo ukundiphulaphula. Bona bâlandela banqula *thixo bambi. Ewe, uSirayeli kunye noJuda bawaphule umnqophiso endawenza kunye nookhokho babo.
11 Utsho ke ngoko uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiza kubahlisela ishwangusha abangayi kuphuncuka kulo. Nokuba sebendibongoza andiyi kubaphulaphula.