2 Ndaya kuyithenga ke loo bhanti, njengokutsho kukaNdikhoyo, ndayibhinqa.
3 Libuye lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo, lisithi:
4 “Thatha le bhanti uyibhinqileyo, uye emlanjeni iEfrati, ufike uyifihle emfanteni kwiliwa elilapho.”
5 Ndahamba ke ndafika ndayifihla ngase-Efrati njengokutsho kukaNdikhoyo.
6 Emva kwexesha elide wabuya wathi kum uNdikhoyo: “Yiya e-Efrati, ufike uthathe laa bhanti ndandithe yifihle khona.”
7 Ndaya ke, ndafika ndayivumbulula apho ndandiyifake khona. Ndafika sele yonakele, kungasenakwenziwa nto ngayo.
8 Lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: