4 “Thatha le bhanti uyibhinqileyo, uye emlanjeni iEfrati, ufike uyifihle emfanteni kwiliwa elilapho.”
5 Ndahamba ke ndafika ndayifihla ngase-Efrati njengokutsho kukaNdikhoyo.
6 Emva kwexesha elide wabuya wathi kum uNdikhoyo: “Yiya e-Efrati, ufike uthathe laa bhanti ndandithe yifihle khona.”
7 Ndaya ke, ndafika ndayivumbulula apho ndandiyifake khona. Ndafika sele yonakele, kungasenakwenziwa nto ngayo.
8 Lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
9 “Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kwenjenjalo ke ukonakalisa ikratshi lakwaJuda, ikratshi elikhulu laseJerusalem.
10 Aba bantu bakhohlakeleyo, bangandivayo, balawulwa kukuqaqadeka kweentliziyo zabo, bathe phithi kukunqula nokukhonza oothixo basemzini, baza kuba njengale bhanti yelinen kungenakwenziwa nto konke ngayo.