Ujeremiya 14:10-16 XHO96

10 Malunga naba bantu utsho uNdikhoyo ukuthi:“Bayakuthanda ukuzula-zula;iinyawo zabo abakwazi ukuzilawula.Abamkholisi konke uNdikhoyo.Uya kuhlala ebukhumbula ubungwenxa babo,abohlwaye ngenxa yesono sabo.”

11 Uthe kum uNdikhoyo: “Aba bantu uze ungabacengeli kum ukuba kulunge kubo.

12 Nokuba bangade bazile ukutya, andiyi kubaphulaphula xa bekhala kum. Nokuba bangade benze amadini atshiswayo neminikelo, andisobe ndikholiseke. Ndosuka ndibatshabalalise ngekrele, ngendlala, nangesibetho sesifo.”

13 Ndithe ke mna: “Awu, Nkosi Ndikhoyo, uyazi ukuba abashumayeli bathetha nabantu besithi: ‘Akuzi kubakho krele nandlala apha. Ngaphaya koko utsho uNdikhoyo ukuthi: Kuyo le ndawo ndininika uxolo olungasoze luphele.’ ”

14 UNdikhoyo uthe ukundiphendula: “Abo bashumayeli bathetha ubuxoki ngegama lam. Abathunywanga ndim, ndingakhange ndibayalele oko, ndingazange ndithethe nokuthetha oku nabo. Bashumayela nje imibono ebubuxoki, nokuvumisa okungento, nenkohliso yeentliziyo zabo.”

15 Ke ngoko malunga nabo bashumayeli bashumayela ngegama lakhe bengathunywanga nguye utsho uNdikhoyo ukuthi: “Bathi: ‘Abayi kufikelwa likrele kwakunye nendlala abantu beli lizwe.’ Kambe abo bashumayeli bona ngokwabo baya kutshabalala ngekrele nayindlala.

16 Nabo bantu babashumayezayo baya kukhutshelwa ngaphandle ezitalatweni zaseJerusalem ngenxa yendlala nalikrele. Akuyi kubakho bani uya kubangcwaba, kungayi kubakho bani uya kungcwaba nkqu nabafazi, noonyana, neentombi zabo. Ndiya kubahlisela ishwangusha ngenxa yenkohlakalo yabo.