16 Nabo bantu babashumayezayo baya kukhutshelwa ngaphandle ezitalatweni zaseJerusalem ngenxa yendlala nalikrele. Akuyi kubakho bani uya kubangcwaba, kungayi kubakho bani uya kungcwaba nkqu nabafazi, noonyana, neentombi zabo. Ndiya kubahlisela ishwangusha ngenxa yenkohlakalo yabo.
17 “Wena ke thetha eli lizwi kubo uthi:“ ‘Antywizisa iinyembezi amehlo am imini nobusuku,ziqukuqele ngokungenasiphelo.Kaloku intombi engabantu bam yenzakele kakubi;yoselwe lelinzulu lona inxeba eli.
18 Ndithi ndakuphumela ngaphandle,ndithane nqwakaqha nâbo bawe ngekrele;ndithi ndakungena esixekweni,ndithi mandla nâbo bawiswe liphango.Kaloku abashumayeli kwakunye nababingelelibayayabula nje kwilizwe lonke.’ ”
19 Ngaba, Ndikhoyo, umlahle kwaphela na uJuda?Ngaba ikucaphuzelisa intliziyo na iZiyon?Yini na ukuba usibethe singabi nakuphiliswa?Besilindele uxolo, suka kwavela ububi.Besijonge ukuphiliswa, nâko sifikelwa lunxunguphalo.
20 Siyayivuma inkohlakalo yethu, Ndikhoyo,kwakunye nobugwenxa boobawo-mkhulu.Ewe, sikonile, Ndikhoyo!
21 Ngenxa yegama lakho musa ukusibukula,ungayihlazi iJerusalem ibhotwe lakho elidumileyo.Wukhumbule umnqophiso owenze nathi,ungaze uwaphule nanini na.
22 Ngaba oothixo abangento beentlanga bayakwazi ukunisa imvula?Ngaba sona ngokunokwaso isibhakabhaka singehlisa imikhwitsho?Hayi, nguwe, Ndikhoyo, Thixo wethu, esithembele kuye;nguwe ozenzayo zonke ezo zinto.