5 Phaya endle nemazi yexhama izala ithole,ibuye ilibukule,kuba akukho luhlaza lukhoyo.
6 Amaqwarha ema eluqayini,asezele umoya, axel' udyakalashe.Sele amehlo elusizi,kub' uhlaz' alubonwa.”
7 Naxa izono zethu zisigwebasincede, Ndikhoyo, ngenxa yegama lakho.Ewe, kufuthi-futhi sikreqa,sakona amaxesha ngamaxesha.
8 Wena Themba likaSirayeli,wena Mhlanguli wakhe ngamaxesha okubandezeleka,yini na ukuba ubenjengomngeneleli kweli lizwe,ube njengomhambi othe vu ubusuku kuphela?
9 Kutheni wafana nomntu odidekileyo,kanye njengegorha elingenamandla okuhlangula?Ngenene ukho phakathi kwethu, Ndikhoyo,singabantu ababizwa ngegama lakho, uze ungasilahli.
10 Malunga naba bantu utsho uNdikhoyo ukuthi:“Bayakuthanda ukuzula-zula;iinyawo zabo abakwazi ukuzilawula.Abamkholisi konke uNdikhoyo.Uya kuhlala ebukhumbula ubungwenxa babo,abohlwaye ngenxa yesono sabo.”
11 Uthe kum uNdikhoyo: “Aba bantu uze ungabacengeli kum ukuba kulunge kubo.