12 Unako na umntu ukuyaphula intsimbi, ngakumbi le ivela ngasentla, okanye mhlawumbi ubhedu?
13 “Ubutyebi bakho nendyebo yakho, Sirayeli, ndobunikezela felefele bube lixhoba ngenxa yezono zakho ozenzileyo kulo lonke ilizwe.
14 Ndiya kukunikela kwiintshaba zakho, zimke nawe, zikuse ezweni ongalaziyo, kuba ingqumbo yam ivutha okomlilo oya kukutshisa.”
15 Ke mna ndithe: “Wazi konke, Ndikhoyo. Ndikhumbule, undivelele. Ndiphindezelele kwabo bandisukelayo, uze undinyamezele ndingade nditshabalale. Uyazi ukuba ndingohlaziswayo ngenxa yakho.
16 Akuvakala kum amazwi akho ndiwetyisile, anditsho ndazala yimincili naluchulumanco entliziyweni yam. Kaloku ndibizwa ngokuthi ndingokaNdikhoyo uThixo onamandla onke.
17 Andilibalanga kukuhlala ezimbuthweni zabagxeki, ndiziyolise kuzo. Ndahlala ndililolo, kuba isandla sakho siphezu kwam, kwaza ukukruquka kwakho kwandongamela.
18 “Ngaba kutheni ke ndisahlupheka nje? Zingasapholi nje ezi zivubeko zam, yintoni zingeva kunyangwa nje? Kutheni ngathi ufuna ukungathembeki nje, ngathi ngumfula ongahlali unamanzi?”