7 Ndobachitha-chitha kuzo zonke izixeko zeli lizwe,okomququ ophetshethwayo xa kubhulwa.Ndobahlutha inzala abantu bam, ndibatshabalalise,ngenxa yokuba bengafuni kwahlukana nemikhwa emibi.
8 Abahlolokazi boba baninzi,badlule intlabathi engaselwandle.Emini emaqanda ndobazisela umtshabalalisi oonina bamadodana,ngequbuliso ndobafikela ngonxunguphalo nokunkwantya.
9 Uya kurhoxoza unina wabasixhenxe,aphume umphefumlo,ilanga lakhe litshone kusesemini,ajwaqeke lihlazo naziintloni.Abo baseleyo ndiya kubayekela kwiintshaba zabo,zibagqibezele ngekrele.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
10 Awu, mama, ubundizalela ni? Ngoku sendingumntu wempikiswano nengxabano ehlabathini lonke! Andibolekisanga nganto, kungekho nabani endiboleke kuye, kodwa akukho mntu ungandiqalekisiyo.
11 *UNdikhoyo wathi kum: “Inene, ndokukhusela, kuba ndinenjongo elungileyo ngawe. Inene, iintshaba zakho ziya kubhenela kuwe ngexesha lentlekele nokubandezeleka.
12 Unako na umntu ukuyaphula intsimbi, ngakumbi le ivela ngasentla, okanye mhlawumbi ubhedu?
13 “Ubutyebi bakho nendyebo yakho, Sirayeli, ndobunikezela felefele bube lixhoba ngenxa yezono zakho ozenzileyo kulo lonke ilizwe.