16 Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo: “Niyabona, ndiza kuthumela abalobi beentlanzi abaninzi, baze kubambisa aba bantu, emva koko ndithumele abazingeli abaninzi babazingele kuzo zonke iinduli nakuzo zonke iintaba, nasezimfanteni zamawa.
17 Ndiyayibona into abayenzayo; akukho nto isitheleyo kum; ndiyabubona bonke ubugwenxa babo.
18 Kuqala ndobabuyekeza ngokuphinda-phindiweyo ngenxa yobugwenxa babo nesono sabo, kuba baxabhele umhlaba olilifa lam ngoonomgogwana bezithixo zabo ezingamasikizi alizothe.”
19 *Ndikhoyo, mandla am, nqaba yam,mkhuseli wam ngamaxesha eembandezelo,ziya kuza kuwe iintlanga,zivela eziphelweni zehlabathi,zifike zithi:“Inene, oobawo babebambelele kwizinto zobuxoki,bekhonza oothixo abangamampunge, abangancedi lutho.”
20 Kakade umntu angazenzela uthixo?Hayi bo! Into enjalo ayinakuze ibe nguThixo.
21 Ke ngoko uNdikhoyo uthi:“Niyabona, ngesi sihlandlo ndiza kubafundisa,ndibazise amandla am nokomelela kwam,bandazi ukuba ndinguNdikhoyo igama lam.”