10 Ndim, mna Ndikhoyo, umgocagoci weentliziyo zabantu,nomvavanyi weengcinga zabo.Ulowo ndimvuza ngokuziphatha kwakhe,ndimdlise iziqhamo zezenzo zakhe.”
11 Lowo uzuza ubutyebi ngobuqhetsebaufana nesakhwatsha esiqandusela amaqanda angengawo awaso.Uya kulahlekwa bobo butyebi eselula ngeminyaka,ekugqibeleni abe sisityhamtyham, esingento.
12 Indawo yethu yokunqula libhotwe eliqaqambileyo,elathi zinzi phezulu kwantlandlolo.
13 Nguwe, Ndikhoyo, ithemba lamaSirayeli.Bonke abo bakushiyayo bohlazeka.Bothi shwaka oku kwamagama abhalwe eluthulwini,xa beshiya wena, Ndikhoyo.Kaloku wena ungumthombo wamanzi obomi.
14 Ndiphilise, *Ndikhoyo, ndiphile qete.Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.Kaloku nguwe udumo lwam.
15 Abantu basoloko besithi:“Liphi na ke ilizwi likaNdikhoyo?Masilibone kaloku lizaliseka.”
16 Kanti ke, Ndikhoyo,andizange ndale ukuba ngumalusi phantsi kwakho,ndingazange abantu ndabanqwenelela umhla weshwangusha.Kaloku, Ndikhoyo, uyayazi into endayithethayo,kuba ndayithetha ebusweni bakho.