18 Mabadane abo bandisukelayo, mna ndingadani.Mabankwantye luloyiko bona, mna ndingoyiki.Bazisele imini yentlekele,ubohlwaye ngesohlwayo esiphindiweyo.
19 *UNdikhoyo wathi kum: “Hamba uye kuma ngakwiSango laBantu apho ookumkani bakwaJuda baphuma bengena khona esixekweni. Uze udlulele nakuwo onke amanye amasango aseJerusalem.
20 Uze uthi kubo: ‘Liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina kumkani bakwaJuda, nani bantu bakwaJuda xa ninonke, nabani na ongummi waseJerusalem ongenayo ngala masango.
21 Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ze ningathwali mthwalo *ngoMhla wokuPhumla, ningangeni ngasango eJerusalem nithwele nto ngoMhla wokuPhumla. Ngokwenjenjalo noba nibeka ubomi benu esichengeni.
22 Ewe, ze ningaphumi nokuphuma ezindlwini zenu nithwele umthwalo, ningasebenzi konke ngoMhla wokuPhumla, koko ze niwugcine ube ngumhla owodwa, njengoko ndanditshilo kooyihlo-mkhulu.
23 Abazange bandive ooyihlo-mkhulu; abazange bafune kundihoya. Basuka baba neenkani, abafuna kufunda nto kum, abafuna nokundiphulaphula.”
24 “ ‘Kambe ke nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ndiphulaphuleni ningangenisi mthwalo ngamasango esi sixeko ngoMhla wokuPhumla, koko niwuhlonele, ningenzi msebenzi ngawo konke.