2 Esi sono sisakhunjulwa ngoonyana bakho.Bayawakhumbula amaqonga esithixokazi uAsheranemifanekiso yakhe emiswe ngakwimithi enamagqabi ezindulini.
3 Intaba yam phaya endle,kunye nobutyebi bakho nendyebo yakho,ndizinikele zibe lixhoba ngenxa yesono sakhoosenze kulo lonke elakowenu,unqula kwizibingelelo ezingezizo.
4 Uza kulahlekelwa lilifa lakho olinikwe ndim,ndikwenze ukhonze iintshaba zakho ezweni obukade ungalazi,kuba umsindo wam uvutha njengomlilo,waye awusobe ucinywe.”
5 Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Hayi ilishwa lomntu obek' ithemba emntwini,akholose ngamandla ento eyinyama negazi,abe entliziyweni enxaxhile kuNdikhoyo.
6 Loo mntu unjengetyholo lasentlango;akanakuze abe nempumelelo.Uya kuma ezinkqantosini, kumhlaba ongumqwebedu,umhlaba onetyuwa, apho kungahlali mntu.
7 Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,lowo ukholosa ngaye!
8 Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,ongcambu zinabela emanzini.Awoyiki naxa ilanga lishushu;amagqabi awo ahlala eluhlaza.Ngexesha lembalela awunaxhala;uhlala uvelisa iziqhamo.