20 Uze uthi kubo: ‘Liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina kumkani bakwaJuda, nani bantu bakwaJuda xa ninonke, nabani na ongummi waseJerusalem ongenayo ngala masango.
21 Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ze ningathwali mthwalo *ngoMhla wokuPhumla, ningangeni ngasango eJerusalem nithwele nto ngoMhla wokuPhumla. Ngokwenjenjalo noba nibeka ubomi benu esichengeni.
22 Ewe, ze ningaphumi nokuphuma ezindlwini zenu nithwele umthwalo, ningasebenzi konke ngoMhla wokuPhumla, koko ze niwugcine ube ngumhla owodwa, njengoko ndanditshilo kooyihlo-mkhulu.
23 Abazange bandive ooyihlo-mkhulu; abazange bafune kundihoya. Basuka baba neenkani, abafuna kufunda nto kum, abafuna nokundiphulaphula.”
24 “ ‘Kambe ke nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ndiphulaphuleni ningangenisi mthwalo ngamasango esi sixeko ngoMhla wokuPhumla, koko niwuhlonele, ningenzi msebenzi ngawo konke.
25 Xa kunjalo ke ookumkani benu abasesikhundleni sikakumkani uDavide, namaphakathi abo, bekunye nabantu bakwaJuda nabaseJerusalem, bongena eJerusalem bekhwele iinqwelo namahashe, basime eso sixeko ngokungenasiphelo.
26 Abantu baya kuza bevela kwizixeko zakwaJuda, nakwiilali ezijikeleze iJerusalem, nakummandla wakwaBhenjamin, nakwelangaselwandle, nakweleentaba, nakumazantsi akwaJuda. Baya kuza endlwini kaNdikhoyo bephethe izinto zokwenza amadini atshiswayo, namanye amadini, neminikelo yeenkozo, nesiqhumiso, kunye namadini ombulelo.