27 “ ‘ “Kodwa kufuneka nindithobele, niwuhlonele uMhla wokuPhumla, ube yimini eyodwa. Ngaloo mini ze ningangeni ngamasango aseJerusalem nithwele imithwalo. Ukuba aniwuthobeli lo myalelo, loo masango ndowantumeka umlilo – iinqaba zaseJerusalem ziya kuvutha ngumlilo, ungabi nakucinywa bani.” ’ ”