17 Njengomoya wasempumalanga ndokwenjenjalo ukubathi saa phambi kweentshaba zabo,ndibanike umhlana, ingabi bubuso, mhla bafikelwa lishwangusha.”
18 Bathetha-thethana bathi ngam: “Masimbonele icebo uJeremiya lo. Soze siyiswele imfundiso yababingeleli, namacebo ezilumko, kunye namazwi abashumayeli. Ngoko ke masimgxibhe ngamazwi ethu, singakusi so konke akuthethayo.”
19 Ke mna ndathi:“*Ndikhoyo, ndiphulaphule;zive iintetho zabamangaleli bam!
20 Bakha babuyekezwa phi ubuhle ngobubi?Nâbo ke bendimbela umgodi.Khumbula mhla ndisiza kuwe,ndize kubacengela ukuba ungabi namsindo.
21 Ngoku ke mabafe yindlala abantwana babo;bayeke baye kufa likrele.Mababe ngamadlolo nabahlolokazi abafazi babo;amadoda abo atshabalale,noonyana babo babulawe emfazweni.
22 Makube sisijwili emizini yaboxa befike ngebhaqo abaphangi abathunywe nguwe.Bandembele umngxuma, ukuze ndeyele kuwo;bandibekele izabatha zokubambisa iinyawo zam.
23 Uyawazi, wena Ndikhoyo, onke amayelenqe abo okundibulala.Uze ungabuxoleli ubugwenxa babo,nesono sabo ungasicimi sithi shwaka emehlweni akho.Mabakhubeke bawe phantsi phambi kwakho,ubohlwaye usesemsindweni.”